Read IiNdumiso Chapter 118 Online
Read IiNdumiso Chapter 118 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IiNdumiso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IiNdumiso 118
Isahluko 118
1. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2. Makathi uSirayeli, Ingunaphakade inceba yakhe.
3. Mayithi indlu ka-Aron, Ingunaphakade inceba yakhe.
4. Mabathi abamoyikayo uYehova, Ingunaphakade inceba yakhe.
5. Ndabiza uYehova ndisengxingongweni; Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi.
6. UYehova ungakum, andoyiki; Angandenza ntoni na umntu?
7. UYehova ungakum ngokundinceda; Ndiya kubona mna kwabandithiyayo.
8. Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu.
9. Kulungile ukuzimela ngoYehova Ngaphezu kokukholosa ngamanene.
10. Zingafanelana zonke iintlanga zindirhawule: Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
11. Zingafanelana zindirhawule zandirhawula: Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
12. Zingafanelana zindirhawule njengeenyosi: Zocinywa njengomlilo weentsasa; Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
13. Undityhale ngamandla wena ukuba ndiwe; Kodwa uYehova wandinceda.
14. Iqhayiya lam nengoma yam nguYehova, Waba lusindiso kum.
15. Izwi lokumemelela nelosindiso lisezintenteni zamalungisa, lisithi, Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa;
16. Isandla sokunene sikaYehova siphakamile; Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa.
17. Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi, Ndibalise ngezenzo zikaYehova.
18. UYehova undithethise kakhulu, Ke akandinikela ekufeni.
19. Ndivuleleni amasango obulungisa; Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.
20. Nali isango likaYehova, Amalungisa angena ngalo.
21. Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule, Waba lusindiso kum.
22. Ilitye abalilahlayo abakhi Laba yintloko yembombo.
23. Kuvele kuYehova oku, Kungumsebenzi obalulekileyo emehlweni ethu.
24. Le yimini ayenzileyo uYehova, Masigcobe sivuye ngayo.
25. Yehova, camagu, khawusindise, Yehova, camagu, khawuhlangule.
26. Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova, Siyanisikelela nina basendlwini kaYehova.
27. UYehova nguThixo, usikhanyisela; Bophelelani umbingelelo womthendeleko ngeentambo, Kude kuye ezimpondweni zesibingelelo.
28. UnguThixo wam, ndiya kubulela kuwe; UnguThixo wam, ndiya kukuphakamisa.
29. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
About IiNdumiso Chapter 118
Read IiNdumiso Chapter 118 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IiNdumiso
Chapter: 118
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IiNdumiso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IiNdumiso Chapter 118 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IiNdumiso Chapter 118?
IiNdumiso Chapter 118 is part of the Book of IiNdumiso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IiNdumiso Chapter 118 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from iindumiso
- IiNdumiso Chapter 1
- IiNdumiso Chapter 2
- IiNdumiso Chapter 3
- IiNdumiso Chapter 146
- IiNdumiso Chapter 131
- IiNdumiso Chapter 102
- IiNdumiso Chapter 58
Explore More from ITestamente Endala
- 1 YooKumkani Chapter 21
- INumeri Chapter 20
- IEksodus Chapter 7
- IiNdumiso Chapter 7
- IiNdumiso Chapter 83
- ImiZekeliso Chapter 15
- UHezekile Chapter 39