UYeremiya Chapter 13

For English

Read UYeremiya Chapter 13 Online

Read UYeremiya Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYeremiya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYeremiya 13

Isahluko 13

1. Utsho uYehova kum ukuthi, Hamba uye uzithengele umbhinqo welinen, uwubeke esinqeni sakho, ke uze ungawufaki emanzini.

2. Ndawuthenga ke umbhinqo ngokwelizwi likaYehova, ndawubeka esinqeni sam.

3. Kwafika ilizwi likaYehova kum okwesibini, lisithi,

4. Wuthabathe umbhinqo owuthengileyo, osesinqeni sakho, usuke uye emEfrati, uwufihle khona emfanteni yengxondorha.

5. Ndaya, ndawufihla emEfrati, njengoko wandiwisela umthetho ngako uYehova.

6. Kwathi, ekupheleni kwemihla emininzi, wathi uYehova kum, Suka uye emEfrati, uwuthabathe khona umbhinqo endakuwisela umthetho ngawo, ukuba uwufihle khona.

7. Ndaya ke emEfrati, ndemba, ndawuthabatha umbhinqo kuloo ndawo bendiwufihle kuyo, nango wonakele umbhinqo, ungasenamsebenzi.

8. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

9. Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukulonakalisa ikratshi lakwaYuda, ikratshi elikhulu laseYerusalem.

10. Aba bantu banobubi, bangavumiyo ukuva amazwi am, bahambayo ngobungqola bentliziyo yabo, balandela thixo bambi, ukuze babakhonze, baqubude kubo: baya kuba njengaloo mbhinqo ungasenamsebenzi.

11. Ngokuba njengokuba umbhinqo unamathela esinqeni sendoda, ndenjenjalo ukuyinamathelisa kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze kum ibe ngabantu, ibe ligama, ibe yindumiso, ibe sisihombo; ke abevanga.

12. Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini?

13. Wothi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazalisa ngokunxila bonke abemi beli lizwe, kwaookumkani abahlalele uDavide etroneni yakhe, nababingeleli, nabaprofeti, nabemi bonke baseYerusalem;

14. ndibahlekezele elowo kuwabo, ooyise noonyana kunye, utsho uYehova. Andiyi kuba nalufefe, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba namfesane, ukuba ndingabonakalisi.

15. Yivani, nibeke indlebe; musani ukuzidla, ngokuba uYehova uyathetha.

16. Mzukiseni uYehova uThixo wenu, engekahlisi ubumnyama, zingekabetheki ezintabeni zocolothi iinyawo zenu; nithembe ukukhanya, ke yena ukwenza ithunzi lokufa, akwenze isithokothoko.

17. Ukuba anithanga nikuve oko, wolila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.

18. Yithi kukumkani nakwinkosikazi, Zithobeni, hlalani phantsi; ngokuba siyehla ezintlokweni zenu isithsaba sokuhomba kwenu.

19. Imizi yelisezantsi ivaliwe, akukho ungayivulayo; uYuda ufudusiwe ephela; ufudusiwe kanye.

20. Phakamisani amehlo enu, nibone abavela entla. Uphi na umhlambi obuwunikiwe, impahla yakho emfutshane entle?

21. Wothini na, xa athe abo ke ubaqhelise ukuba ngamakholwane akho, wabenza bangabaveleli, bayintloko kuwe? Ayiyi kukubamba na inimba, njengomfazi ozalayo?

22. Naxa uthe entliziyweni yakho, Kungani na ukuba ndifikelwe zezi zinto? ngobuninzi bobugwenxa bakho utyhilekile ingubo, zagonyamelwa izithende zakho.

23. UmKushi unokuluguqula na ulusu lwakhe, nengwe inokuwaguqula na amabala ayo? ningaba ke ninako ukulungisa nani, baqhele ukwenza okubi.

24. Ndiya kubaphangalalisa ke, njengomququ ophephuka nomoya wentlango.

25. Liqashiso lakho elo, isabelo sakho esilinganiselweyo ndim, utsho uYehova; ngokuba undilibele, wakholosa ngobuxoki.

26. Nam ndiya kuyibhenqa ingubo yakho, ibe phezu kobuso bakho, kubonakale ukucukucezeka kwakho.

27. Ukukrexeza kwakho nokukhonya kwakho amanyala okuhenyuza kwakho ezindulini ezindle, ndiwabonile amazothe akho. Athi ke wena, Yerusalem! Akuyi kuhlambuluka, ingafanelana. ingumzuzu ongakanani na.

About UYeremiya Chapter 13

Read UYeremiya Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYeremiya
Chapter: 13
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYeremiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYeremiya Chapter 13 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYeremiya Chapter 13?

UYeremiya Chapter 13 is part of the Book of UYeremiya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYeremiya Chapter 13 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from Uyeremiya

  1. UYeremiya Chapter 16
  2. UYeremiya Chapter 45
  3. UYeremiya Chapter 12
  4. UYeremiya Chapter 15
  5. UYeremiya Chapter 21
  6. UYeremiya Chapter 8
  7. UYeremiya Chapter 32

Related Chapters & Readings

  1. 2 KwabaseKorinte Chapter 4
  2. UHezekile Chapter 18
  3. IGenesis Chapter 22
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. UIsaya Chapter 14
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 9
  7. KumaHebhere Chapter 5
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *