2 YooKumkani Chapter 21

For English

Read 2 YooKumkani Chapter 21 Online

Read 2 YooKumkani Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YooKumkani in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 YooKumkani and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 YooKumkani 21

Isahluko 21

1. UManase ubeminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHefetsibha.

2. Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.

3. Wabuya wazakha iziganga, awayezidilizile uHezekiya uyise, wammisela uBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, njengoko wenzayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, waqubuda kumkhosi wonke wezulu, wawukhonza.

4. Wakha izibingelelo endlwini kaYehova, leyo wathi uYehova ngayo, Ndiya kulibeka eYerusalem igama lam.

5. Wawakhela izibingelelo wonke umkhosi wezulu ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova.

6. Wamcandisa unyana wakhe emlilweni, waba litola, wahlaba izihlabo, wamisa abaneshologu noosiyazi, waphikela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.

7. Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo ka-Ashera abewenzile, endlwini leyo wayethe ngayo uYehova kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade;

8. ndingaphindi ndilushukumise unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawunika ooyise; kodwa makabe aya kugcina ukwenza njengako konke endiwawisele umthetho ngako, nanjengokomyalelo wonke awawawiselayo umkhonzi wam uMoses.

9. Akaphulaphula ke; wawalukuhla uManase, ukuba enze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.

10. Wathetha uYehova ngabakhonzi bakhe abaprofeti, esithi,

11. Ngenxa enokuba uManase, ukumkani wakwaYuda, ewenzile loo masikizi, wenza okubi okungaphezulu kwako konke awakwenzayo ama-Amori, abengaphambi kwakhe, wawonisa namaYuda ngezigodo zakhe ezizizithixo:

12. ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiyizisela iYerusalem neYuda ububi, eziya kuthi nzwi iindlebe zombini zabo bonke ababuvayo.

13. Ndololula phezu kweYerusalem ulutya lokulinganisa lwakwaSamari, nelothe yokulinganisa yendlu ka-Ahabhi, ndiyisule iYerusalem njengosula isitya, asisule, asisibeke.

14. Ndowalahla amasalela elifa lam, ndibanikele esandleni seentshaba zabo, ukuba baphangwe bathinjwe zizo zonke iintshaba zabo;

15. ngenxa enokuba benze okubi emehlweni am, bandiqumbisa, kususela kwimini abaphuma ngayo ooyise eYiputa unanamhla.

16. Kananjalo igazi elimsulwa uliphalaze lalininzi kunene uManase, yada yazala iYerusalem, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye; sisodwa sona isono sakhe awawonisayo ngaso amaYuda, ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.

17. Ezinye izinto zikaManase, nako konke awakwenzayo, nesono sakhe awonayo ngazo, asibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

18. Walala uManase kooyise, wangcwatyelwa emyezweni wendlu yakhe, emyezweni kaUza.

19. UAmon unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMeshulemete, intombi kaHarutse waseYotebha.

20. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise.

21. Wahamba ngendlela yonke awahamba ngayo uyise; wazikhonza izigodo ezizizithixo awazikhonzayo uyise, waqubuda kuzo.

22. Wamshiya uYehova, uThixo wooyise, akahamba ngendlela kaYehova.

23. Bamceba abakhonzi baka-Amon, bambulala ukumkani lowo endlwini yakhe.

24. Abantu belizwe elo bababulala bonke abo babecebe ukumkani uAmon. Bathi abantu belizwe elo bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.

25. Ezinye izinto zika-Amon awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

26. Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe, emyezweni kaUza. UYosiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

About 2 YooKumkani Chapter 21

Read 2 YooKumkani Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YooKumkani in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 YooKumkani
Chapter: 21
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 YooKumkani. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 YooKumkani Chapter 21 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 YooKumkani Chapter 21?

2 YooKumkani Chapter 21 is part of the Book of 2 YooKumkani in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 YooKumkani Chapter 21 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-yookumkani

  1. 2 YooKumkani Chapter 1
  2. 2 YooKumkani Chapter 2
  3. 2 YooKumkani Chapter 14
  4. 2 YooKumkani Chapter 10
  5. 2 YooKumkani Chapter 18
  6. 2 YooKumkani Chapter 15
  7. 2 YooKumkani Chapter 5

Explore More from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 81
  2. UYoshuwa Chapter 11
  3. UYobhi Chapter 25
  4. INgoma yazo iiNgoma Chapter 5
  5. IDuteronomi Chapter 34
  6. UYona Chapter 1
  7. INumeri Chapter 5

Related Chapters & Readings

  1. UEzra Chapter 9
  2. UHoseya Chapter 12
  3. ImiZekeliso Chapter 24
  4. UHezekile Chapter 18
  5. 1 KaSamuweli Chapter 30
  6. UEstere Chapter 4
  7. IsiTyhilelo Chapter 22
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *