Read IiNdumiso Chapter 135 Online
Read IiNdumiso Chapter 135 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IiNdumiso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IiNdumiso 135
Isahluko 135
1. Haleluya. Dumisani igama likaYehova; Dumisani, nina bakhonzi bakaYehova,
2. Nimiyo endlwini kaYehova, Ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu.
3. Dumisani uYehova, ngokuba elungile uYehova; Libetheleni uhadi igama lakhe, ngokuba kumnandi.
4. Ngokuba uYehova unyule uYakobi ukuba abe ngowakhe, Wanyula uSirayeli ukuba abe yinqobo kuye.
5. Ngokuba ndiyazi mna ukuba mkhulu uYehova, INkosi yethu ingaphezu koothixo bonke.
6. Konke akuthandileyo uYehova uya kwenza, Ezulwini nasemhlabeni, Ezilwandle nasemanzini onke enzonzobila.
7. Ulonyusa amafu eziphelweni zehlabathi, Imvula wayenzela imibane; Ulorhola umoya koovimba bakhe.
8. Owawabulalayo amazibulo aseYiputa, Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;
9. Wathumela imiqondiso nezimanga Phakathi kwakho, Yiputa, KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;
10. Owabulala iintlanga ezinkulu, Wabulala ookumkani abanamandla;
11. OoSihon, ukumkani wama-Amori, No-Ogi, ukumkani waseBhashan, Nezikumkani zonke zakwaKanan;
12. Walinikela ilizwe labo lalilifa, Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,
13. Yehova, igama lakho lingunaphakade, Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.
14. Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe, Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.
15. Izithixo zeentlanga yisilivere negolide, Umsebenzi wezandla zabantu.
16. Zinomlomo nje, azithethi; Zinamehlo nje, aziboni;
17. Zineendlebe nje, aziva; Akukho nento engumoya emlonyeni wazo.
18. Baya kuba njengazo abenzi bazo, Bonke abasukuba bekholose ngazo.
19. Nina ndlu kaSirayeli, bongani uYehova; Nani ndlu ka-Aron, bongani uYehova.
20. Nina ndlu kaLevi, bongani uYehova; Nani boyika uYehova, bongani uYehova.
21. Ngowokubongwa uYehova eZiyon, Ulohlala eYerusalem. Haleluya!
About IiNdumiso Chapter 135
Read IiNdumiso Chapter 135 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IiNdumiso
Chapter: 135
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IiNdumiso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IiNdumiso Chapter 135 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IiNdumiso Chapter 135?
IiNdumiso Chapter 135 is part of the Book of IiNdumiso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IiNdumiso Chapter 135 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from iindumiso
- IiNdumiso Chapter 1
- IiNdumiso Chapter 2
- IiNdumiso Chapter 146
- IiNdumiso Chapter 102
- IiNdumiso Chapter 3
- IiNdumiso Chapter 131
- IiNdumiso Chapter 58
Explore More from ITestamente Endala
- IGenesis Chapter 40
- 2 KaSamuweli Chapter 1
- IDuteronomi Chapter 30
- IiNdumiso Chapter 44
- UIsaya Chapter 6
- 1 KaSamuweli Chapter 5
- IiNdumiso Chapter 147