Read 1 YeziKronike Chapter 22 Online
Read 1 YeziKronike Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YeziKronike and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 YeziKronike 22
Isahluko 22
1. Wathi uDavide, Yiyo le indlu kaYehova uThixo; siso esi isibingelelo sedini elinyukayo sikaSirayeli.
2. Wathi uDavide, mabawomele kuye abasemzini abasezweni lakwaSirayeli; wamisa abaqingqi bokuqingqa amatye axholiweyo, okwakha indlu kaThixo.
3. UDavide walungisa isinyithi sasininzi sezikhonkwane zeengcango zamasango nesezibandakanyiso; nobhedu lwaluninzi, alwaba nakulinganiswa;
4. nemisedare engenakubalwa; ngokuba abaseTsidon nabaseTire bazisa imisedare yamininzi kuDavide.
5. Wathi uDavide, USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele. Walungisa ke kakhulu uDavide phambi kokufa kwakhe.
6. Wambiza uSolomon unyana wakhe, wamwisela umthetho wokuba amakhele uYehova, uThixo kaSirayeli, indlu.
7. Wathi uDavide kuSolomon, Nyana wam, ndandisithi entliziyweni yam, ndiya kulakhela igama likaYehova uThixo wam indlu.
8. Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalaze igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam.
9. Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo; ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ngeenxa zonke; ngokuba liya kuba nguSolomon igama lakhe, ndiwanike uxolo nokuzola amaSirayeli ngeemini zakhe.
10. Nguye oya kulakhela igama lam indlu. Yena uya kuba ngunyana kum, mna ndibe nguyise kuye, ndiyizinzise itrone yobukumkani bakhe kumaSirayeli, kude kuse ephakadeni.
11. Kaloku, nyana wam, uYehova makabe nawe, ube nempumelelo, uyakhe indlu kaYehova uThixo wakho, njengoko akuthethileyo ngawe.
12. Kodwa ke uYehova makakunike ukuqiqa nokuqonda, akuwisele umthetho ngamaSirayeli, ukuba uwugcine umyalelo kaYehova uThixo wakho.
13. Uya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.
14. Uyabona, ngemigudu yam indlu kaYehova ndiyilungisele ikhulu lamawaka eetalente zegolide, nesigidi esinye seetalente zesilivere, nobhedu nesinyithi, into engenakulinganiselwa ukuba ninzi kwayo; ndilungise nemithi namatye; nawe ungongeza kwezozinto.
15. Unabo bebaninzi abasebenzi bomsebenzi, abaxholi neengcibi zamatye nezemithi, nabalumkileyo emisebenzini yonke.
16. Igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, yinto engenakubalwa. Suk’ ume, wenze, uYehova abe nawe.
17. UDavide wabawisela umthetho bonke abathetheli bakwaSirayeli, ukuba bamncede uSolomon unyana wakhe, wathi,
18. Akanani yini na uYehova uThixo wenu, waniphumza ngeenxa zonke? Ngokuba wabanikela esandleni sam abemi belizwe eli; loyiswa ilizwe eli phambi koYehova, naphambi kwabantu bakhe.
19. Ke ngoko zinikeleni iintliziyo zenu nemiphefumlo yenu ekumquqeleni uYehova uThixo wenu; sukani nime, niyakhe ingcwele kaYehova uThixo, ningenise ityeya yomnqophiso kaYehova, neempahla ezingcwele zikaThixo, endlwini leyo iya kwakhelwa igama likaYehova.
About 1 YeziKronike Chapter 22
Read 1 YeziKronike Chapter 22 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 YeziKronike
Chapter: 22
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 YeziKronike Chapter 22 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 YeziKronike Chapter 22?
1 YeziKronike Chapter 22 is part of the Book of 1 YeziKronike in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 YeziKronike Chapter 22 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1-yezikronike
- 1 YeziKronike Chapter 1
- 1 YeziKronike Chapter 28
- 1 YeziKronike Chapter 19
- 1 YeziKronike Chapter 3
- 1 YeziKronike Chapter 29
- 1 YeziKronike Chapter 26
- 1 YeziKronike Chapter 25
Explore More from ITestamente Endala
- UYeremiya Chapter 32
- UIsaya Chapter 57
- UYeremiya Chapter 13
- IEksodus Chapter 23
- INgoma yazo iiNgoma Chapter 8
- UHezekile Chapter 2
- UYoshuwa Chapter 16