Read 1 KuTimoti Chapter 4 Online
Read 1 KuTimoti Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KuTimoti in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KuTimoti and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 KuTimoti 4
Isahluko 4
1. Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;
2. imka nohanahaniso lwabathetha ubuxoki, betshiswe isazela sabo ngentsimbi;
3. bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezadalwa nguThixo, ukuze zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.
4. Ngokuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo;
5. kuba singcwaliswa ngalo ilizwi likaThixo nangezibongozo.
6. Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo.
7. Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zimangale. Ziqhelise ukuhlonela uThixo.
8. Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.
9. Lithembekile ilizwi elo, lifanelwe kukwamkelwa konke.
10. Kuba sibulalekela, singcikivelwe oko; ngokuba sithembele kuThixo ophilileyo, onguMsindisi wabantu bonke, ngokukodwa owabakholwayo.
11. Bathethele ezi zinto, ufundise zona.
12. Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.
13. Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike.
14. Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu.
15. Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.
16. Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.
About 1 KuTimoti Chapter 4
Read 1 KuTimoti Chapter 4 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KuTimoti in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 KuTimoti
Chapter: 4
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KuTimoti. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 KuTimoti Chapter 4 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 KuTimoti Chapter 4?
1 KuTimoti Chapter 4 is part of the Book of 1 KuTimoti in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 KuTimoti Chapter 4 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1-kutimoti
- 1 KuTimoti Chapter 5
- 1 KuTimoti Chapter 3
- 1 KuTimoti Chapter 2
- 1 KuTimoti Chapter 1
- 1 KuTimoti Chapter 6
Explore More from ITestamente Entsha
- ULuka Chapter 10
- 1 KuTimoti Chapter 3
- IsiTyhilelo Chapter 1
- 1 KuTimoti Chapter 2
- 1 KwabaseKorinte Chapter 16
- KumaHebhere Chapter 10
- 1 KuTimoti Chapter 1