AbaGwebi Chapter 2

For English

Read AbaGwebi Chapter 2 Online

Read AbaGwebi Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of AbaGwebi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

AbaGwebi 2

Isahluko 2

1. Kwenyuka isithunywa sikaYehova eGiligali, saya eBhokim, sathi, Ndaninyusa eYiputa, ndanizisa kwelo zwe ndafunga kooyihlo ngalo, ndathi, Andiyi kuwaphula umnqophiso wam nani naphakade;

2. ke nina nize ningenzi mnqophiso nabemi beli lizwe; nize nizidilize izibingelelo zabo. Aniliphulaphulanga ke izwi lam. Yintoni na le niyenzileyo?

3. Kananjalo ndathi, Andiyi kubagqogqa phambi kwenu, ukuze babe ziimviko emacaleni enu, oothixo babo babe ngumgibe kuni.

4. Kwathi, sakuwathetha isithunywa sikaYehova la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, basuka abantu baliphakamisa izwi labo, balila.

5. Bayibiza loo ndawo ngokuthi, yiBhokim; babingelela apho kuYehova.

6. Ke kaloku okuya uYoshuwa wabandululayo abantu, baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balime ilizwe.

7. Abantu bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalelayo kuYoshuwa, abewubonile wonke umsebenzi omkhulu kaYehova, abewenzele amaSirayeli.

8. Wafa ke uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe.

9. Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnata-heres, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe.

10. Sakuba neso sizukulwana sonke sihlanganiselwe kooyise, kwavela sizukulwana simbi emva kwaso, esibe singamazi uYehova, kwanomsebenzi abewenzele amaSirayeli.

11. Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bakhonza ooBhahali.

12. Bamlahla uYehova, uThixo wooyise, owabakhuphayo ezweni lamaYiputa; balandela thixo bambi koothixo bezizwe ezibajikelezileyo, babanqula, bamqumbisa uYehova.

13. Bamlahla ke uYehova, bakhonza uBhahali noAshtaroti.

14. Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sabaphangi, bawaphanga. Wathengisa ngawo, wawanikela esandleni seentshaba zawo ngeenxa zonke; akaba saba nakuma phambi kweentshaba zawo.

15. Athi akuphuma esiya naphi, sasuka isandla sikaYehova sawachasa ngobubi, njengoko wakuthethayo uYehova, njengoko wawafungelayo; abandezeleka kunene.

16. UYehova wavelisa abagwebi; bawasindisa esandleni sabaphangi bawo.

17. Akabaphulaphula nabagwebi bawo, asuka ahenyuza ngokulandela thixo bambi, abanqula, atyeka kamsinya endleleni ababehamba ngayo ooyise, yokuphulaphula imithetho kaYehova. Akenjanga njalo ke wona.

18. Naxa uYehova wawavelisela abagwebi, uYehova waba nomgwebi lowo, wawasindisa esandleni seentshaba zawo yonke imihla yomgwebi lowo; ngokuba uYehova wazohlwaya ngenxa yokuncwina kwawo, phambi kwabaxini bawo, ababandezeli bawo.

19. Kwathi, akufa umgwebi lowo, abuya onakalisa ngaphezu kooyise, alandela thixo bambi ngokubakhonza nangokubanqula; akaziyeka iintlondi zawo nendlela yokuba lukhuni kwawo.

20. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli; wathi, Ngenxa enokuba olu hlanga luwugqithile umnqophiso wam endawumisela ooyise, alwaliphulaphula ilizwi lam:

21. nam andiyi kuphinda ndithi phambi kwabo ndigqogqe mntu wezi ntlanga, wazishiyayo uYoshuwa ekufeni kwakhe;

22. ukuze ndiwalinge ngazo amaSirayeli, ukuba oyigcina na indlela kaYehova, ahambe ngayo, njengoko bayigcinayo ooyise, akayi kuyigcina, kusini na?

23. Waziyeka ke uYehova ezo ntlanga, akazigqogqa kamsinya, akazinikela esandleni sikaYoshuwa.

About AbaGwebi Chapter 2

Read AbaGwebi Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of AbaGwebi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: AbaGwebi
Chapter: 2
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading AbaGwebi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading AbaGwebi Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is AbaGwebi Chapter 2?

AbaGwebi Chapter 2 is part of the Book of AbaGwebi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete AbaGwebi Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from abagwebi

  1. AbaGwebi Chapter 1
  2. AbaGwebi Chapter 14
  3. AbaGwebi Chapter 11
  4. AbaGwebi Chapter 19
  5. AbaGwebi Chapter 12
  6. AbaGwebi Chapter 3
  7. AbaGwebi Chapter 20

Explore More from ITestamente Endala

  1. UYeremiya Chapter 48
  2. UObhadiya Chapter 1
  3. UYeremiya Chapter 21
  4. IDuteronomi Chapter 32
  5. UYobhi Chapter 40
  6. UAmos Chapter 3
  7. UYeremiya Chapter 31

Related Chapters & Readings

  1. UEzra Chapter 10
  2. 1 YeziKronike Chapter 15
  3. 1 KwabaseKorinte Chapter 1
  4. UYeremiya Chapter 23
  5. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 3
  6. UIsaya Chapter 1
  7. UYohane Chapter 1
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *