Read IiNdumiso Chapter 10 Online
Read IiNdumiso Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IiNdumiso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IiNdumiso 10
Isahluko 10
1. Yini na ukuba umele mgama, Yehova, Uzifihle ngamaxesha engxingongo?
2. Ngokukratsha kwabangendawo bayatsha abaziintsizana; Babanjiswa ngamayelenqe abawacingileyo.
3. Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe. Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba.
4. Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.
5. Ziqinile iindlela zakhe ngamaxesha onke; Ziphakamile izigwebo zakho, zikude kuye; Bonke ababandezeli bakhe uyabafuthela.
6. Uthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa; Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini.
7. Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela. Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga.
8. Uhlala emilaleleni yeengqili, Agwinte omsulwa entsithelweni; Amehlo akhe azonda oludwayi.
9. Ulalela entsithelweni njengengonyama eludadeni wayo; Ulalela ukuba axwile emke nosizana; Uxwila emke nolusizana, elutsala ngomnatha wakhe.
10. Uyabuthuma, uyabunguzela, Bawele ezinzitsheni zakhe abaziindwayi.
11. Uthi entliziyweni yakhe, UThixo ulibele, Ubusithelisile ubuso bakhe, akabonanga nento.
12. Khawusuk’ ume, Yehova, phakamisa isandla sakho, Thixo. Musa ukubalibala abalulamileyo.
13. Kungenxa yani na ukuba ongendawo amgibe uThixo, Athi entliziyweni yakhe, Akuyi kubuza?
14. Ubonile wena; ngokuba uyabubona ububi nenkathazo, ububeke esandleni sakho; Uzinikela kuwe oludwayi; Ungumncedi weenkedama wena.
15. Yaphula ingalo yongendawo; Onobubi, mbuze okungendawo kwakhe, kungasali nento.
16. UYehova nguKumkani ngonaphakade kanaphakade; Zitshabalele iintlanga, azabakho ehlabathini lakhe.
17. Umnqweno wabalulamileyo uwuvile, Yehova; Wazizimasa iintliziyo zabo, wayibaza indlebe yakho,
18. Ukuba ugwebe ityala lenkedama noxinzelelweyo, Angabi sabangcangcazelisa umntu wasehlabathini.
About IiNdumiso Chapter 10
Read IiNdumiso Chapter 10 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IiNdumiso
Chapter: 10
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IiNdumiso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IiNdumiso Chapter 10 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IiNdumiso Chapter 10?
IiNdumiso Chapter 10 is part of the Book of IiNdumiso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IiNdumiso Chapter 10 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from iindumiso
- IiNdumiso Chapter 1
- IiNdumiso Chapter 3
- IiNdumiso Chapter 2
- IiNdumiso Chapter 14
- IiNdumiso Chapter 13
- IiNdumiso Chapter 7
- IiNdumiso Chapter 11
Explore More from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 89
- ILevitikus Chapter 6
- IiNdumiso Chapter 52
- 1 KaSamuweli Chapter 19
- 2 YeziKronike Chapter 6
- IiNdumiso Chapter 139
- 2 KaSamuweli Chapter 8