Read IiNdumiso Chapter 145 Online
Read IiNdumiso Chapter 145 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IiNdumiso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IiNdumiso 145
Isahluko 145
1. Eyokudumisa kaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani, Ndilibonge igama lakho ngonaphakade kanaphakade.
2. Imihla yonke ndiya kukubonga, Ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade.
3. Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu; Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa.
4. Izizukulwana ngezizukulwana, kunconywa izenzo zakho, Kuxelwe ubugorha bakho.
5. Bunobungangamela ubuqaqawuli bendili yakho; Ngeendawo zakho ezibalulekileyo ndiya kucamngca.
6. Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo, Ndibalise ngobukhulu bakho.
7. Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu, Bamemelele ngobulungisa bakho.
8. Unobabalo nemfesane uYehova, Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
9. Ulungile uYehova kubo bonke, Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.
10. Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho, Bakubonge abakho benceba;
11. Uzuko lobukumkani bakho balutsho, Bathethe ngobugorha bakho.
12. Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe, Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.
13. Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke, Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.
14. UYehova ungumxhasi wabo bonke abawayo, Ngumphakamisi wabo bonke abagobileyo.
15. Amehlo eento zonke akhangele kuwe, Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;
16. Uyasivula isandla sakho, Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.
17. Ulilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke, Unenceba ngezenzo zakhe zonke.
18. Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo, Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso.
19. Uyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo, Akuve ukuzibika kwabo, abasindise.
20. UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo, Abatshabalalise bonke abangendawo.
21. Umlomo wam mawuthethe indumiso kaYehova, Inyama yonke ilibonge igama lakhe elingcwele ngonaphakade kanaphakade.
About IiNdumiso Chapter 145
Read IiNdumiso Chapter 145 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IiNdumiso
Chapter: 145
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IiNdumiso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IiNdumiso Chapter 145 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IiNdumiso Chapter 145?
IiNdumiso Chapter 145 is part of the Book of IiNdumiso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IiNdumiso Chapter 145 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from iindumiso
- IiNdumiso Chapter 1
- IiNdumiso Chapter 3
- IiNdumiso Chapter 2
- IiNdumiso Chapter 14
- IiNdumiso Chapter 13
- IiNdumiso Chapter 7
- IiNdumiso Chapter 4
Explore More from ITestamente Endala
- IDuteronomi Chapter 14
- IiNdumiso Chapter 57
- INumeri Chapter 34
- IiNdumiso Chapter 60
- IiNdumiso Chapter 21
- IiNdumiso Chapter 86
- 1 YeziKronike Chapter 4