IDuteronomi Chapter 14

For English

Read IDuteronomi Chapter 14 Online

Read IDuteronomi Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IDuteronomi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IDuteronomi 14

Isahluko 14

1. Ningoonyana kuYehova uThixo wenu; ize ningazicenti, ningenzi mpandla phezu kwamehlo enu ngenxa yomfi;

2. ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba.

3. Uze ungadli nanye into elisikizi.

4. Zizo ezi izinto ezizitho zine enozidla:

5. inkomo, imvu, imbuzi, ixhama, nebhadi, nelinqa, netshabangqa, nenqu, neula, negogo.

6. Yonke into ezitho zine ethiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe zacandwa kubini, etyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, noyidla yona.

7. Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, nembila, nomvundla; ngokuba zetyisa umtyiso, ke aziluthe gqiphu uphuphu, ziziinqambi ke kuni;

8. nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, phofu ingetyisi, iyinqambi kuni. Inyama yazo ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi.

9. Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo nozidla.

10. Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ize ningazidli; ziziinqambi kuni.

11. Zonke iintaka ezihlambulukileyo nozidla.

12. Eningayi kuzidla zezi: ixhalanga, nosilwangangubo, nonomakhwezana,

13. nesangxa, noontloyiya ngohlobo lwabo;

14. nehlungulu lonke ngohlobo lwalo;

15. nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambane ngohlobo lwayo;

16. nesikhova, nefubesi, nenkuku yamanzi;

17. nengcwangube, nenkqo, nogwidi;

18. nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.

19. Yonke inyakanyaka enamphiko iyinqambi kuni; ize ningayidli.

20. Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazidla.

21. Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungamnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungathengisa ngayo kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.

22. Uze unikele isishumi songeniselo lonke lwembewu yakho ephuma entsimini, iminyaka ngeminyaka;

23. udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla.

24. Xa indlela ithe yande kuwe, naxa uthe wakhohlwa ukusisa sona, ngokuba ikude kuwe indawo leyo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulimisa kuyo igama lakhe, naxa athe wakusikelela uYehova uThixo wakho:

25. wosanana ngemali, uyibophe imali esandleni sakho, uye endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho,

26. uyanane imali ngeento zonke osukuba uzinqwenela umphefumlo wakho, ngeenkomo, nangempahla emfutshane, nangewayini, nangesiselo esinamandla, nangeento zonke ozibizayo umphefumlo wakho; udle khona phambi koYehova uThixo wakho, uvuye wena nendlu yakho.

27. NomLevi osemasangweni akho uze ungamlibali, ngokuba akanasabelo nalifa ndawonye nawe.

28. Ekupheleni kweminyaka emithathu, wokhupha sonke isishumi songeniselo lwakho lwaloo mnyaka, ulufumbe emasangweni akho;

29. eze umLevi, ngokuba engenasabelo nalifa ndawonye nawe, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho, badle bahluthe; ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho owusebenzayo.

About IDuteronomi Chapter 14

Read IDuteronomi Chapter 14 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IDuteronomi
Chapter: 14
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IDuteronomi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IDuteronomi Chapter 14 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IDuteronomi Chapter 14?

IDuteronomi Chapter 14 is part of the Book of IDuteronomi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IDuteronomi Chapter 14 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from iduteronomi

  1. IDuteronomi Chapter 2
  2. IDuteronomi Chapter 1
  3. IDuteronomi Chapter 18
  4. IDuteronomi Chapter 8
  5. IDuteronomi Chapter 32
  6. IDuteronomi Chapter 17
  7. IDuteronomi Chapter 5

Explore More from ITestamente Endala

  1. UYoshuwa Chapter 16
  2. IiNdumiso Chapter 89
  3. UEzra Chapter 2
  4. IiNdumiso Chapter 86
  5. 1 YooKumkani Chapter 16
  6. AbaGwebi Chapter 10
  7. IiNdumiso Chapter 92

Related Chapters & Readings

  1. 1 KaSamuweli Chapter 23
  2. 2 YooKumkani Chapter 12
  3. UAmos Chapter 4
  4. UEzra Chapter 8
  5. INgoma yazo iiNgoma Chapter 8
  6. 2 KwabaseKorinte Chapter 11
  7. IiNdumiso Chapter 120
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *