Read IiNdumiso Chapter 83 Online
Read IiNdumiso Chapter 83 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IiNdumiso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IiNdumiso 83
Isahluko 83
1. Ingoma. Umhobe ka-Asafu. Thixo, musa ukuthi cwaka, Musa ukuthi tu, musa ukuzola, Thixo.
2. Ngokuba nanzo iintshaba zakho zixokozela; Abakuthiyayo baphakamisa intloko.
3. Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho, Bacebisane ngabagushiweyo nguwe.
4. Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga, Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli.
5. Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye, Benza umnqophiso ngawe:
6. Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli, AmaMowabhi namaHagari,
7. AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki, AmaFilisti kunye nabemi baseTire;
8. Nama-Asiriya athelele kubo, Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)
9. Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan, NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.
10. Batshabalala e-Endore, Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni.
11. Benze bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe; Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengoTsalimuna;
12. Bona bathi, Masiwahluthe abe ngawethu amakhaya kaThixo.
13. Thixo wam, benze babe njengesaqhwithi, Njengomququ phambi komoya.
14. Njengomlilo odla ihlathi, Njengedangatye lilenya intaba,
15. Yenjenjalo ukubasukela ngoqhwithela lwakho, Ubakhwankqise ngomoya wakho ovuthuzayo.
16. Buzalise ubuso babo ngehlazo, Balifune igama lakho, Yehova.
17. Mabadane bakhwankqiswe ngonaphakade, Babe neentloni, badake;
18. Bazi ukuba wena, ugama linguYehova, unguwe wedwa Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke.
About IiNdumiso Chapter 83
Read IiNdumiso Chapter 83 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IiNdumiso
Chapter: 83
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IiNdumiso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IiNdumiso Chapter 83 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IiNdumiso Chapter 83?
IiNdumiso Chapter 83 is part of the Book of IiNdumiso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IiNdumiso Chapter 83 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from iindumiso
- IiNdumiso Chapter 1
- IiNdumiso Chapter 2
- IiNdumiso Chapter 146
- IiNdumiso Chapter 102
- IiNdumiso Chapter 94
- IiNdumiso Chapter 58
- IiNdumiso Chapter 13
Explore More from ITestamente Endala
- 2 KaSamuweli Chapter 20
- IiNdumiso Chapter 45
- 2 YeziKronike Chapter 10
- UYobhi Chapter 17
- UAmos Chapter 6
- 1 KaSamuweli Chapter 27
- 1 KaSamuweli Chapter 15