IiNdumiso Chapter 94

For English

Read IiNdumiso Chapter 94 Online

Read IiNdumiso Chapter 94 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IiNdumiso and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IiNdumiso 94

Isahluko 94

1. Thixo wempindezelo, Yehova, Thixo wempindezelo, bengezela!

2. Phakama, Mgwebi wehlabathi! Babuyisele impatho yabo abanekratshi.

3. Kunini na abangendawo, Yehova, Kunini na abangendawo bevuyelela?

4. Balephuza amagwebu, bathetha ngokusa, Bayandolosa bonke abasebenzi bobutshinga.

5. Batyumza abantu bakho, Yehova, Bacinezela ilifa lakho.

6. Babulala umhlolokazi nowasemzini, Bancinitha inkedama.

7. Bathi ke, Akaboni uYehova, Akagqali uThixo kaYakobi.

8. Qondani, nina bazizityhakala ebantwini; Nina zinyabi, niya kuqiqa nini na?

9. Omilisele indlebe, akayi kuva na? Obumbe iliso, akayi kukhangela na?

10. Umthethisi weentlanga akayi kohlwaya na, Ulofundisa abantu ukwazi?

11. UYehova ngumazi weengcinga zabantu, Ukuba zingumphunga.

12. Hayi, uyolo lwendoda oyithethisayo, Yehova, Oyifundisayo ngomyalelo wakho;

13. Ukuba uyizolise eziminini zobubi, Ade ambelwe isihogo ongendawo.

14. Ngokuba uYehova akabalahli abantu bakhe, Akalishiyi ilifa lakhe.

15. Ngokuba isiko liya kubuyela ebulungiseni, Balilandele bonke abantliziyo zithe tye.

16. Ngubani na oya kusukela phezulu kubo abanobubi, ngenxa yam? Ngubani na oya kumelana nabasebenzi bobutshinga, ngenxa yam?

17. Koko uYehova abe luncedo lwam, Umphefumlo wam unge uhle msinya, waya apho kuthiwa cwaka khona.

18. Ukuba ndithi, Lwatyibilika unyawo lwam, Isuka inceba yakho, Yehova, indixhase.

19. Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam, Iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam.

20. Ingaqhelana nawe na itrone yolweyeliselo, Ebumba ububi ngommiselo?

21. Bahlanganyela umphefumlo welungisa, Baligwebe igazi elimsulwa.

22. Kanti ke uYehova uyingxonde kum, UThixo wam liliwa endizimela ngalo.

23. Ububuyisela phezu kwabo ubutshinga babo, Uba bhangisa ngobubi babo; Uya kubabhangisa uYehova, uThixo wethu.

About IiNdumiso Chapter 94

Read IiNdumiso Chapter 94 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IiNdumiso
Chapter: 94
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IiNdumiso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IiNdumiso Chapter 94 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IiNdumiso Chapter 94?

IiNdumiso Chapter 94 is part of the Book of IiNdumiso in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IiNdumiso Chapter 94 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from iindumiso

  1. IiNdumiso Chapter 1
  2. IiNdumiso Chapter 2
  3. IiNdumiso Chapter 146
  4. IiNdumiso Chapter 102
  5. IiNdumiso Chapter 58
  6. IiNdumiso Chapter 13
  7. IiNdumiso Chapter 3

Explore More from ITestamente Endala

  1. 1 KaSamuweli Chapter 24
  2. 2 YeziKronike Chapter 32
  3. 1 KaSamuweli Chapter 4
  4. 1 YooKumkani Chapter 10
  5. UIsaya Chapter 5
  6. UYeremiya Chapter 41
  7. UYeremiya Chapter 39

Related Chapters & Readings

  1. UYoshuwa Chapter 19
  2. 1 YooKumkani Chapter 21
  3. IEksodus Chapter 35
  4. ImiZekeliso Chapter 16
  5. UDaniyeli Chapter 3
  6. 1 YeziKronike Chapter 28
  7. UYohane Chapter 2
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *