Read IiNdumiso Chapter 107 Online
Read IiNdumiso Chapter 107 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IiNdumiso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IiNdumiso 107
Isahluko 107
1. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2. Mabatsho abakhululwa bakaYehova, Awabakhululayo esandleni sombandezeli;
3. Wababutha emazweni, Empumalanga nasentshonalanga, Entla naselwandle.
4. Badinga entlango, endleleni esenkanga, la, Abafumana mzi wakuhlala.
5. Belambile, benxaniwe, Watyhafa phakathi kwabo umphefumlo wabo.
6. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabahlangula ekucuthekeni kwabo;
7. Wabanyathelisa endleleni ethe tye, Ukuba baye kumzi wokuhlala.
8. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
9. Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo, Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo.
10. Behleli emnyameni nasethunzini lokufa, Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi,
11. Ngokuba bephikise amazwi kaThixo, Belitshitshisa icebo lOsenyangweni:
12. Wayithoba intliziyo yabo ngokubasebenzisa kanzima; Bakhubeka, akwabakho mncedi.
13. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo; Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.
14. Wabakhupha emnyameni nasethunzini lokufa, Waziqhawula iimbophelelo zabo.
15. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
16. Kuba ezaphule iingcango zobhedu, Wayixakaxa imivalo yesinyithi.
17. Abamathileyo, ngenxa yendlela yokukreqa kwabo, Nangenxa yobugwenxa babo, bacinezelwa;
18. Konke ukudla kwaba lisikizi kumphefumlo wabo, Bafika emasangweni okufa.
19. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.
20. Wathumela ilizwi lakhe, wabaphilisa, Wabasiza ezihogweni zabo.
21. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
22. Mababingelele imibingelelo yombulelo, Bancokole ngezenzo zakhe bememelela.
23. Abaya elwandle ngeenqanawa, Benze ishishini emanzini amaninzi,
24. Bazibona bona izenzo zikaYehova, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo enzulwini.
25. Watsho, wavusa umoya ovuthuzayo, Waphakamisa amaza ayo.
26. Banyuka basinga ezulwini, behla basinga emanzini enzonzobila; Umphefumlo wabo uthe amandla bububi.
27. Bathendeleka, bahexa njengenxila, Butshone bonke ubulumko babo.
28. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo Wabakhupha ekucuthekeni kwabo.
29. Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka, Amaza ayo azola;
30. Bavuya ke, kuba edambile; Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo.
31. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe, Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
32. Mabamphakamise ebandleni labantu, Bamdumise embuthweni yamadoda amakhulu.
33. Uyenze imilambo yaba yintlango, Namathende amanzi aba ngumhlaba onxaniweyo;
34. Ilizwe elineziqhamo laba leletyuwa, Ngenxa yezinto ezimbi zabemi balo.
35. Uyenze intlango yaba lidike elinamanzi, Ilizwe elingumqwebedu laba ngamathende amanzi.
36. Wabahlalisa khona abalambileyo, Bamisa umzi wokuhlala.
37. Bahlwayela amasimi, batyala izidiliya, Bavelisa iziqhamo, baba nongeniselo.
38. Wabasikelela, banda kunene, Iinkomo zabo akazinciphisa.
39. Bancipha, basibekeka Ngokukhanyangwa bububi nesingqala.
40. Uwagalele ngendelo amanene, Wawadingisa enyanyeni, kungekho ndlela.
41. Walisa engxondeni ihlwempu, kude nengcinezelo, Walenzela imizalwana yanjengomhlambi.
42. Baya kubona abathe tye, bavuye, Bonke ubugqwetha buvale umlomo.
43. Lowo ulumkileyo makazigcine ezi ndawo, Azigqale iinceba zikaYehova.
About IiNdumiso Chapter 107
Read IiNdumiso Chapter 107 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IiNdumiso
Chapter: 107
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IiNdumiso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IiNdumiso Chapter 107 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IiNdumiso Chapter 107?
IiNdumiso Chapter 107 is part of the Book of IiNdumiso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IiNdumiso Chapter 107 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from iindumiso
- IiNdumiso Chapter 1
- IiNdumiso Chapter 2
- IiNdumiso Chapter 146
- IiNdumiso Chapter 102
- IiNdumiso Chapter 94
- IiNdumiso Chapter 58
- IiNdumiso Chapter 13
Explore More from ITestamente Endala
- UHezekile Chapter 10
- ImiZekeliso Chapter 13
- IiNdumiso Chapter 27
- INumeri Chapter 1
- 1 YooKumkani Chapter 13
- IiNdumiso Chapter 9
- UYobhi Chapter 16