Read 1 YooKumkani Chapter 21 Online
Read 1 YooKumkani Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YooKumkani and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 YooKumkani 21
Isahluko 21
1. Kwathi emveni kwezo zinto, uNabhoti waseYizereli enesidiliya esiseYizereli, ngasebhotweni lika-Ahabhi ukumkani wakwaSamari,
2. wathetha uAhabhi kuNabhoti, wathi, Ndinike isidiliya sakho, ukuba sibe ngumyezo wemifuno; ngokuba sisondelelene nendlu yam; ndokunika isidiliya esilungileyo kuneso esikhundleni saso; ke ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho, ndokunika imali esilingeneyo.
3. Wathi uNabhoti kuAhabhi, Makube lee kum ngenxa kaYehova, ukuba ndikunike ilifa loobawo.
4. UAhabhi waya endlwini yakhe ebuthe nkwa ubuso, ejalile, lilizwi abelithethile kuye uNabhoti waseYizereli, wathi, Andiyi kukunika ilifa loobawo. Waya walala esingqengqelweni, wabheka phaya; akadla nokudla.
5. Wafika uIzebhele umkakhe kuye, wathi kuye, Yini na ukuba usangane kangaka, ungadli nokudla?
6. Wathi kuye, Kungokuba ndithethe kuNabhoti waseYizereli, ndathi kuye, Ndinike isidiliya sakho ngemali; okanye ukuba uyavuma, ndokunika esinye isidiliya esikhundleni saso; wathi, Andiyi kukunika isidiliya sam.
7. Wathi uIzebhele umkakhe kuye, Wena, abuphethwe nguwe na ngoku ubukumkani bakwaSirayeli? Vuka udle ukudla, ichwayithe intliziyo yakho; ndokunika mna isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
8. Wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina ngomsesane wakhe, wazithumela ezo ncwadi kumadoda amakhulu nakubanumzana ababekuloo mzi wakhe, ababehleli noNabhoti.
9. Wabhala kwezo ncwadi, wathi, Memani uzilo lokudla, nimbeke uNabhoti phambi kwabantu;
10. nibeke amadoda amabini angamatshijolo phambi kwakhe, angqine ngaye, athi, Wena uthuke uThixo nokumkani. Nize nimkhuphele phandle, nimgibisele ngamatye, afe.
11. Amadoda omzi wakhe, amadoda amakhulu nabanumzana ababehleli kuloo mzi wakhe, benza njengoko abebathumele ngako uIzebhele, njengoko kwakubhaliwe ezincwadini abezithumele kubo.
12. Bamema uzilo lokudla, bambeka uNabhoti phambi kwabantu.
13. Kwafika loo madoda mabini angamatshijolo, ahlala phambi kwakhe. Amadoda lawo angamatshijolo angqina ngaye uNabhoti phambi kwabantu, athi, UNabhoti uthuke uThixo nokumkani. Bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye, wafa.
14. Bathumela ke kuIzebhele, bathi, UNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa.
15. Kwathi, akuva uIzebhele ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa, wathi uIzebhele kuAhabhi, Suka, usithabathe isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, abengavumi ukukunika ngemali; ngokuba uNabhoti akasekho, ufile.
16. Kwathi, akuva uAhabhi ukuba uNabhoti ufile, wesuka uAhabhi, wehla, waya kusithabatha isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
17. Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi,
18. Suka uhle, uye kukhawulela uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli okwaSamari; nanko esesidiliyeni sikaNabhoti, ehle waya kusithabatha.
19. Uze uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ubulele na, wathabatha na? Uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Endaweni ezixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, ziya kulixhaphela khona izinja igazi lakho, wena lo.
20. Wathi uAhabhi kuEliya, Undifumene na, lutshaba lwam? Wathi yena, Ndikufumene; ngenxa enokuba uzithengisele ukwenza okubi emehlweni kaYehova,
21. uyabona, ndikuzisela ububi, ndiwatshayele amavela-mva akho, ndiyinqamle kwa-Ahabhi yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.
22. Ndoyenza indlu yakho ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya, ngenxa yokuqumbisa ondiqumbise ngako, wawonisa amaSirayeli.
23. Kananjalo wathetha uYehova ngoIzebhele, wathi, UIzebhele uya kudliwa zizinja emseleni wongqameko lwaseYizereli.
24. Owakwa-Ahabhi ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu.
25. (Kodwa bekungekho unjengoAhabhi, owazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, owaxhokonxwayo nguIzebhele umkakhe.
26. Wenza ngokwamasikizi kunene, ngokulandela izithixo ezizizigodo, njengoko enza ngako ama-Amori, awawagqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.)
27. Kwathi, akuweva uAhabhi loo mazwi kaEliya, wazikrazula iingubo zakhe, wabeka iingubo ezirhwexayo enyameni yakhe, wazila ukudla, walala ngeengubo ezirhwexayo, wahamba kuhle.
28. Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi, Uyakubona na, ukuzithoba kwakhe uAhabhi ebusweni bam?
29. Ngenxa enokuba ezithobile ebusweni bam, andiyi kubuzisa ububi emihleni yakhe; ndiya kuyizisela ububi indlu yakhe ngemihla yonyana wakhe.
About 1 YooKumkani Chapter 21
Read 1 YooKumkani Chapter 21 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 YooKumkani
Chapter: 21
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YooKumkani. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 YooKumkani Chapter 21 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 YooKumkani Chapter 21?
1 YooKumkani Chapter 21 is part of the Book of 1 YooKumkani in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 YooKumkani Chapter 21 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1-yookumkani
- 1 YooKumkani Chapter 12
- 1 YooKumkani Chapter 5
- 1 YooKumkani Chapter 17
- 1 YooKumkani Chapter 1
- 1 YooKumkani Chapter 14
- 1 YooKumkani Chapter 3
- 1 YooKumkani Chapter 2
Explore More from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 45
- 2 YeziKronike Chapter 4
- AbaGwebi Chapter 18
- UYobhi Chapter 16
- 2 YooKumkani Chapter 16
- IEksodus Chapter 19
- INumeri Chapter 26