Read IiNdumiso Chapter 50 Online
Read IiNdumiso Chapter 50 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IiNdumiso and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IiNdumiso 50
Isahluko 50
1. Umhobe ka-Asafu. UThixo, uThixo uYehova uyathetha; Uyalibiza ihlabathi, ethabathela ekuphumeni kwelanga esisa ekutshoneni kwalo.
2. EZiyon, ukuphela kweenzwana, Uyakhazimla uThixo.
3. Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka. Kudla umlilo phambi kwakhe, Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu.
4. Ubiza izulu phezulu, Nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.
5. Uthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba, Abenze umnqophiso nam ngombingelelo.
6. Izulu lixela ubulungisa bakhe, Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)
7. Yivani, bantu bam, ndithethe; Sirayeli, ndiqononondise kuwe; NdinguThixo, uThixo wakho.
8. Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho, Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.
9. Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho, Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.
10. Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi, Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.
11. Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi, Nento edakasa endle inam.
12. Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela; Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.
13. Ndidle inyama yeenkunzi eziziimbalasane na? Ndisele igazi leenkunzi zeebhokhwe na?
14. Bingelela kuYehova umbulelo, Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;
15. Ubize mna ngemini yembandezelo, Ndikuhlangule, undizukise.
16. Ke kongendawo uthi uThixo, Useke phi na wena ukuxela ummiselo wam, Uwuphathe ngomlomo wakho umnqophiso wam,
17. Uyithiyile nje intethiso wena, Uwaphose nje amazwi am emva kwakho?
18. Xa ubona isela, ukholana nalo, Wabelane nabakrexezi.
19. Umlomo wakho uwuyekela ebubini; Ulwimi lwakho luthungela inkohliso;
20. Uthi uhlale uthethe ngomzalwana wakho, Uhlaze umntwana kanyoko.
21. Uzenzile ezo nto, ndathi tu, Waba ndinjengawe. Ndiya kukohlwaya ndizicwangcise emehlweni akho.
22. Khaniqonde ke oko, nina bamlibalayo uThixo, Hleze ndiqwenge, kungabikho uhlangulayo.
23. Obingelela umbulelo uyandizukisa, Alungise indlela, Endombonisa kuyo usindiso lukaThixo.
About IiNdumiso Chapter 50
Read IiNdumiso Chapter 50 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IiNdumiso
Chapter: 50
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IiNdumiso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IiNdumiso Chapter 50 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IiNdumiso Chapter 50?
IiNdumiso Chapter 50 is part of the Book of IiNdumiso in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IiNdumiso Chapter 50 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from iindumiso
- IiNdumiso Chapter 1
- IiNdumiso Chapter 2
- IiNdumiso Chapter 146
- IiNdumiso Chapter 102
- IiNdumiso Chapter 3
- IiNdumiso Chapter 131
- IiNdumiso Chapter 58
Explore More from ITestamente Endala
- UYeremiya Chapter 50
- IEksodus Chapter 38
- IiNdumiso Chapter 64
- 2 YooKumkani Chapter 4
- INumeri Chapter 10
- IiNdumiso Chapter 72
- UHezekile Chapter 26