IiNdumiso Chapter 48

For English

Read IiNdumiso Chapter 48 Online

Read IiNdumiso Chapter 48 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IiNdumiso and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IiNdumiso 48

Isahluko 48

1. Ingoma. Umhobe. Eyoonyana babaKora. Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene Emzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.

2. Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehla bathi lonke Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla, Umzi woKumkani omkhulu.

3. UThixo, ezingxandeni zawo ezinde, Wazelwa ukuba yingxonde.

4. Kuba nabo ookumkani babenqophisene, Bawela beza kunye;

5. Bakuthi ukubona, abakhuluma; Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;

6. Babanjwa khona kukuthuthumela, Kukuzibhijabhija njengozalayo.

7. Ngomoya wasempumalanga Uyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.

8. Njengoko sikuvileyo, sibone kunjalo Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu: UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)

9. Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho Phakathi kwetempile yakho.

10. Njengoko linjalo igama lakho, Thixo, Lunjalo udumiso lwakho, Kwesa eziphelweni zehlabathi; Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.

11. Mayivuye intaba yaseZiyon, Agcobe amagxamesi akwaYuda, Ngenxa yezigwebo zakho.

12. Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze; Zibaleni iinqaba zayo ezinde.

13. Gqalani ungqameko lomsele wayo; Candani ezingxandeni zayo ezinde; Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,

14. Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.

About IiNdumiso Chapter 48

Read IiNdumiso Chapter 48 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IiNdumiso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IiNdumiso
Chapter: 48
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IiNdumiso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IiNdumiso Chapter 48 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IiNdumiso Chapter 48?

IiNdumiso Chapter 48 is part of the Book of IiNdumiso in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IiNdumiso Chapter 48 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from iindumiso

  1. IiNdumiso Chapter 1
  2. IiNdumiso Chapter 3
  3. IiNdumiso Chapter 2
  4. IiNdumiso Chapter 14
  5. IiNdumiso Chapter 13
  6. IiNdumiso Chapter 7
  7. IiNdumiso Chapter 11

Explore More from ITestamente Endala

  1. IEksodus Chapter 19
  2. UEstere Chapter 4
  3. UYeremiya Chapter 44
  4. 1 YeziKronike Chapter 2
  5. AbaGwebi Chapter 6
  6. AbaGwebi Chapter 9
  7. 2 YeziKronike Chapter 15

Related Chapters & Readings

  1. ImiZekeliso Chapter 7
  2. 2 YeziKronike Chapter 11
  3. 1 KuTimoti Chapter 4
  4. UYobhi Chapter 38
  5. UHezekile Chapter 3
  6. ImiZekeliso Chapter 3
  7. IGenesis Chapter 25
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *