UHezekile Chapter 23

For English

Read UHezekile Chapter 23 Online

Read UHezekile Chapter 23 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UHezekile and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UHezekile 23

Isahluko 23

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, kwakukho abafazi ababini, iintombi zamfazi mnye.

3. Bahenyuza eYiputa, bahenyuza besebancinane; acofelwa khona amabele abo; zaphathwa khona iingono zamabele zobuntombi babo.

4. Amagama abo ke nguNtente-yakhe omkhulu kubo, noNtente-yam-kuye umsakwabo; baba ngabam, bazala oonyana neentombi. Amagama abo nguSamari uNtente-yakhe, yiYerusalem uNtente-yam-kuye.

5. UNtente-yakhe wahenyuza engumkam, watshiswa kukukhanuka izithandane zakhe, ama-Asiriya, umelwane lwakhe:

6. abavethe iingubo ezimsi, amabamba neerhuluneli, amadodana aluluhle onke ephela, abamahashe bekhwele emahasheni.

7. Wakubhekisela kubo ukuhenyuza kwakhe, koonyana baseAsiriya abaluluhle bonke bephela; wathi abo bonke abetshiseka kukubakhanuka, wazenza inqambi ngezigodo zabo.

8. Akakuyeka nokuhenyuza kwakhe kwaseYiputa; ngokuba ebuncinaneni bakhe babelala naye, baziphathe iingono zamabele zobuntombi bakhe bona; bathululele ubufebe babo phezu kwakhe.

9. Ngako oko ndamnikela esandleni sezithandane zakhe, esandleni soonyana baseAsiriya, abo abetshiseka kukubakhanuka.

10. Bona babutyhila ubuze bakhe, bathabatha oonyana bakhe neentombi zakhe, bambulala ngekrele; waba ngundaba-mlonyeni kubafazi, bamgweba.

11. Wakubona oko umsakwabo, uNtente-yam-kuye, waba mandundu kunaye ukutshiseka kwakhe kukukhanuka, kwaba mandundu ukuhenyuza kwakhe kunokuhenyuza kodade wabo.

12. Watshiseka kukubakhanuka oonyana baseAsiriya, amabamba, neerhuluneli, umelwane lwakhe, abavethe ezimbejembeje; abamahashe bekhwele emahasheni, amadodana aluluhle onke ephela.

13. Ndabona ukuba uzenze inqambi, bandlela-nye bobabini.

14. Wongeza ekuhenyuzeni kwakhe; wabona amadoda ezotywe eludongeni, imifanekiso yamaKaledi ezotywe ngeqabo elibomvu,

15. enxibe iinqwemesha ezinqeni, eneenkontsho ezimfakamfele ezintloko, ebonakala engabaphathi-mikhosi onke ephela, efana noonyana baseBhabheli, belamaKaledi, izwe lokuzalwa kwabo.

16. Watshiseka kukuwakhanuka, amehlo akhe akuwabona; wathuma abathunywa kwelamaKaledi.

17. Beza ke kuye oonyana baseBhabheli esililini sokuncokolisa, bamenza inqambi ngobufebe babo; wazenza inqambi ngabo; wancothuka kubo umphefumlo wakhe.

18. Wakutyhila ukuhenyuza kwakhe, wabutyhila ubuze bakhe, wancothuka ke umphefumlo wam kuye, njengoko umphefumlo wam wancothukayo kumsakwabo.

19. Wongeza ke ukuhenyuza kwakhe, ngokukhumbula imihla yobuncinane bakhe, awahenyuza ngayo ezweni leYiputa.

20. Watshiseka kukuwakhanuka amakrexe akhe, anyama ziziinyama zamaesile, amakhanuko awo angamakhanuko amahashe.

21. Wamana ukhumbula amanyala obuncinane bakho, oko amaYiputa abephathe iingono zamabele akho, ngenxa yamabele obuncinane bakho.

22. Ngako oko, Ntente-yam-kuye, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuxhokonxela izithandane zakho, ezo uncothukileyo kuzo umphefumlo wakho; ndizizise phezu kwakho, zivela ngeenxa zonke:

23. oonyana baseBhabheli namaKaledi onke, abaveleli, izikhulu, iinduna, benoonyana bonke baseAsiriya, amadodana aluluhle, amabamba neerhuluneli, bonke bephela, nabaphathi-mikhosi, namaphakathi, bengabakhweli bamahashe bonke bephela.

24. Baya kukufikela benezikhali, neenqwelo zokulwa, neevili, benesikhungu sezizwe; babhekise kuwe iingweletshetshe namakhaka nezigcina-ntloko ngeenxa zonke. Ndolunikela kubo ugwebo, ukuba bakugwebe ngokwamasiko abo,

25. ndikunikele ebukhweleni bam, bakuphathe ngobushushu. Baya kususa impumlo yakho neendlebe zakho, nento yakho eseleyo iwe likrele. Bona baya kuthabatha oonyana bakho neentombi zakho; nento yakho eseleyo itshiswe ngumlilo;

26. bakuhlube iingubo zakho, bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba.

27. Ndowaphelisa amanyala akho nokuhenyuza kwakho kwasezweni laseYiputa, ungabi sawaphakamisela amehlo akho kuwo, ungabi salikhumbula elaseYiputa.

28. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukunikela esandleni sabo ubathiyileyo, esandleni sabo uncothukileyo kubo umphefumlo wakho.

29. Baya kukuphatha ngentiyo, bathabathe konke ukuxelenga kwakho, bakushiye uze kanye, butyhileke ubuze bokuhenyuza kwakho, namanyala akho, nokuhenyuza kwakho.

30. Kuya kwenzeka oko kuwe, ngenxa yokuhenyuza kwakho ekulandeleni iintlanga, ngenxa enokuba uzenze inqambi ngezigodo zazo.

31. Uhambe ngendlela yomsakwenu; ndoyinikela ke indebe yakhe esandleni sakho.

32. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uya kuyisela indebe yomsakwenu, yona leyo inzulu, ibanzi; iya kuba yintlekisa nesigculelo, ngokuba inombilini omkhulu.

33. Uya kuzala kukunxila nasisingqala; yindebe yakwankangala kankangala indebe yodade wenu uSamari.

34. Uya kuyisela ke, uyifince, uwaqobe amagophe ayo, uzijece ngawo amabele; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova.

35. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba undilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, uya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho.

36. Wathi uYehova kum, Nyana womntu, uza kubagweba na ooNtente-yakhe noNtente-yam-kuye? Baxelele ke amasikizi abo.

37. Ngokuba bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexezene nezigodo zabo; kananjalo oonyana babo, ababazalela mna, babacandisele kuzo, ukuba batshiswe ngumlilo.

38. Babuye benza noku kum: bayenze inqambi ingcwele yam kwangayo loo mini, bazihlambela iisabatha zam;

39. bakuzisikela izigodo zabo oonyana babo, bangena ke engcweleni yam kwangayo loo mini, ukuze bayihlambele; yabona benjenjalo endlwini yam phakathi.

40. Phezu koko bathumele kumadoda avela kude, kwathunyelwa kuwo umthunywa; yabona, afika; wona lawo wazihlambayo umzimba ngenxa yawo, waziqaba amehlo ngomsizi, wavathela wona izivatho zakho;

41. wahlala esingqengqelweni esinobuqaqawuli, alungiselwa isithebe phambi kwaso, wabeka ke kuso isiqhumiso sam neoli yam.

42. Izwi lengxokolo latyondyoloza khona. Kumadoda aseluninzini loluntu kwaziswa abaseli basentlango, babafaka izacholo ezihlahleni zabo, nezithsaba zokuhomba ezintlokweni zabo.

43. Ndathi ke kulowo oselehagele ekukrexezeni, Ngokunje uhenyuzo lwakhe luya kukrexeza, lona ngokwalo.

44. Bamngena ke njengoko kungenwa ngako kumfazi olihenyukazi: benjenjalo ukumngena uNtente-yakhe, noNtente-yam-kuye, abo bafazi banamanyala.

45. Ke amadoda angamalungisa, wona ke aya kubagweba ngokwesiko labakrexezikazi, nangokwesiko labaphalazi begazi; ngokuba bengabakrexezikazi, zinegazi izandla zabo.

46. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kubanyusela ibandla, ndibanikele ekunqakulweni nasekuphangweni;

47. ibandla libaxulube ngamatye, libasike ngamakrele alo. Liya kubabulala oonyana babo neentombi zabo, lizitshise izindlu zabo;

48. ndiwaphelise amanyala ezweni, bathethiseke abafazi bonke, bangenzi ngokwamanyala enu.

49. Baya kuwabeka ke amanyala enu phezu kwenu, nizithwale izono zezigodo zenu; nazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.

About UHezekile Chapter 23

Read UHezekile Chapter 23 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHezekile in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UHezekile
Chapter: 23
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UHezekile. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UHezekile Chapter 23 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UHezekile Chapter 23?

UHezekile Chapter 23 is part of the Book of UHezekile in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UHezekile Chapter 23 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uhezekile

  1. UHezekile Chapter 43
  2. UHezekile Chapter 18
  3. UHezekile Chapter 1
  4. UHezekile Chapter 13
  5. UHezekile Chapter 19
  6. UHezekile Chapter 31
  7. UHezekile Chapter 8

Related Chapters & Readings

  1. IGenesis Chapter 45
  2. 2 KaSamuweli Chapter 9
  3. IiNdumiso Chapter 125
  4. UNehemiya Chapter 13
  5. 1 YeziKronike Chapter 7
  6. UIsaya Chapter 37
  7. UYeremiya Chapter 16
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *