UYobhi Chapter 38

For English

Read UYobhi Chapter 38 Online

Read UYobhi Chapter 38 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

UYobhi 38

Isahluko 38

1. Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,

2. Ngubani na lo usitha icebo Ngokuthetha okungenakwazi?

3. Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho, Ndikubuze, undazise.

4. Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda.

5. Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi? Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?

6. Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo? Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,

7. Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, Beduma bonke oonyana bakaThixo?

8. Ngubani na owaluvingcelayo ulwandle ngeengcango Ekutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;

9. Ekulwambathiseni kwam ngamafu, Ekulusongeleni ngesithokothoko;

10. Ndakulusikelela umda wam, Ndakumisa imivalo neengcango;

11. Ndathi, Fika apha, ungegqithi; Eme apha amaza akho akratshayo?

12. Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa, Wasazisa isifingo indawo yaso;

13. Ukuba sibambe amasondo ehlabathi, Bavuthululwe kulo abangendawo?

14. Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina, Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;

15. Abangendawo bavinjwe ukukhanya kwabo, Nengalo ephakamileyo yaphulwe.

16. Uye wafika na emithonjeni yolwandle? Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?

17. Uwatyhilelwe na amasango okufa? Namasango ethunzi lokufa wawabona?

18. Ubugqalile na ububanzi behlabathi? Xela, ukuba uyakwazi oko konke.

19. Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya, Nobumnyama iphi na indawo yabo,

20. Ukuba ubuse emdeni wabo, Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?

21. Uyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe oko Lilikhulu nenani lemihla yakho!

22. Ufikelele na ebuncwaneni bekhephu? Ubuncwane besichotho wabubona,

23. Endabuqwebela ixesha lembandezelo, Imini yokudibana nemfazwe?

24. Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya? Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?

25. Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;

26. Ukuba ine ezweni elingenamntu, Entlango, apho kungekho mntu;

27. Ihluthise intshabalala yakwantshabalala, Intshulise uhlaza oluphumayo?

28. Inoyise na imvula? Ngubani na ozala amathontsi ombethe?

29. Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na? Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?

30. Amanzi ayaqina njengelitye, Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.

31. Unokuwabopha na amaqhina esiLimela, Uzicombulule izintya zamaKroza?

32. Unokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo, Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere nabantwana bayo?

33. Uyayazi na imimiselo yezulu? Umise ulawulo lwalo ehlabathini?

34. Unokuliphakamisela emafini na izwi lakho, Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?

35. Unokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho?

36. Ngubani na omise ubulumko ezintsweni? Ngubani na onike imboniseli ingqondo?

37. Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko? Ngubani na othulula iintsuba zezulu.

38. Emelelweni wothuli, lube lutyhido, Amagada anamathelane?

39. Ingonyamakazi unokuyizingelela inyamakazi na, Uzalise iphango leengonyama ezintsha,

40. Xa zincathamayo ezikhundleni zazo, Zihlale ezindadeni, zilalele?

41. Ngubani na olungisela ihlungulu umfunzelo walo, Xa amathole alo azibika kuThixo, Ebhadu-bhadula, engenakudla?

About UYobhi Chapter 38

Read UYobhi Chapter 38 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYobhi
Chapter: 38
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYobhi Chapter 38 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYobhi Chapter 38?

UYobhi Chapter 38 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 38 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uyobhi

  1. UYobhi Chapter 36
  2. UYobhi Chapter 15
  3. UYobhi Chapter 30
  4. UYobhi Chapter 35
  5. UYobhi Chapter 20
  6. UYobhi Chapter 34
  7. UYobhi Chapter 18

Related Chapters & Readings

  1. 1 KaSamuweli Chapter 2
  2. UEstere Chapter 6
  3. UZekariya Chapter 5
  4. INumeri Chapter 33
  5. IiNdumiso Chapter 149
  6. UNehemiya Chapter 7
  7. UIsaya Chapter 66
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *