UYobhi Chapter 32

For English

Read UYobhi Chapter 32 Online

Read UYobhi Chapter 32 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYobhi 32

Isahluko 32

1. Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe.

2. Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.

3. Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi.

4. Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.

5. Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.

6. Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.

7. Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko.

8. Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.

9. Ukulumka akunabakhulu, Ukuqonda okufaneleyo akunamadoda makhulu odwa.

10. Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.

11. Yabonani, bendiwalindile amazwi enu, Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu, Nada nagocagoca ukuthetha.

12. Ndanigqala kakuhle; Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi, Wawaphendula amazwi akhe.

13. Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko; UThixo uyamphephetha, asingumntu.

14. Ke akakubhekisanga kum ukuthetha; Andiyi kumphendula ngamazwi enu.

15. Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli; Baphelelwe kukuthetha.

16. Khe ndenze kuhle na, ngokuba bengathethi, Ngokuba bemi bengasaphenduli?

17. Ndiya kuphendula nam okwam, Ndixele ukwazi kwam nam.

18. Kuba ndizele kukuthetha; Undicuthile umoya wembilini yam.

19. Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga; Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.

20. Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle; Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.

21. Mandingakhe ndinonelele mntu; Ndingakhe nditeketise mntu.

22. Kuba andikwazi ukuteketisa; Ubeya kundisusa kalula uMenzi wam.

About UYobhi Chapter 32

Read UYobhi Chapter 32 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYobhi
Chapter: 32
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYobhi Chapter 32 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYobhi Chapter 32?

UYobhi Chapter 32 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 32 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from Uyobhi

  1. UYobhi Chapter 40
  2. UYobhi Chapter 35
  3. UYobhi Chapter 5
  4. UYobhi Chapter 11
  5. UYobhi Chapter 37
  6. UYobhi Chapter 20
  7. UYobhi Chapter 30

Related Chapters & Readings

  1. IiNdumiso Chapter 71
  2. UIsaya Chapter 16
  3. IZenzo Chapter 16
  4. UIsaya Chapter 11
  5. UIsaya Chapter 38
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 7
  7. UZefaniya Chapter 3
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *