UYeremiya Chapter 5

For English

Read UYeremiya Chapter 5 Online

Read UYeremiya Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYeremiya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYeremiya 5

Isahluko 5

1. Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa: ndoyixolela.

2. Nokuba bathi, Ehleli nje uYehova, boba bafunga bexoka.

3. Yehova, amehlo akho akajonge ekunyaniseni, yini na? Uyababetha, abevi ntlungu; uyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, abavumi ukubuya.

4. Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo.

5. Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphule kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu.

6. Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.

7. Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi.

8. Bayazibela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe.

9. Mandingaveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungaphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje?

10. Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova.

11. Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova.

12. Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, abuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala;

13. abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo.

14. Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.

15. Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo.

16. Umphongolo walo unjengengcwaba elivulekileyo; bonke bephela bangamagorha.

17. Luya kukudla ukuvuna kwakho nesonka sakho; luya kubadla oonyana bakho neentombi zakho; luya kuyidla impahla yakho emfutshane neenkomo zakho; luya kuwudla umdiliya wakho nomkhiwane wakho; luya kuyiviva ngekrele imizi yakho enqatyisiweyo, okholose ngayo.

18. Noko ke ngaloo mihla, utsho uYehova, andiyi kunigqibela kuphele.

19. Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? uze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu.

20. Kuxeleni oku endlwini kaYakobi, nikuvakalise kwaYuda, nithi,

21. Khanive oku, bantu bazizidenge, bangenantliziyo; banamehlo, bengaboni; baneendlebe, bengeva.

22. Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungawugqithiyo? Ayalatyuza amaza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi.

23. Ke aba bantu banentliziyo eyinjubaqa, eneenkani; bakreqile bemka.

24. Abatsho nokuthi ezintliziyweni zabo, Makhe soyike uYehova uThixo wethu, osinika imvula ethambisayo nevuthisayo ngexesha elililo; osigcinela iiveki ezimisiweyo zasekwindla.

25. Izenzo zenu ezigwenxa zizisunduzile ezo zinto, izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.

26. Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu.

27. Njengendlwane izele ziintaka, zinjalo izindlu zabo ukuzala yinkohliso; ngenxa yoko bakhulile baba zizityebi.

28. Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi; ityala abalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; abaligwebi ityala lamahlwempu.

29. Ndingaveleli na ke ngenxa yezo nto? utsho uYehova; ungaphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?

30. Kwenziwa into emangalisayo, ebanga amanwele ezweni:

31. abaprofeti baprofeta ngobuxoki, nababingeleli banobukhosi ngezandla zabo; abantu bam ke bathanda ukuba kube njalo. Niya kuthini na ke ekupheleni kwako oko?

About UYeremiya Chapter 5

Read UYeremiya Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYeremiya
Chapter: 5
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYeremiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYeremiya Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYeremiya Chapter 5?

UYeremiya Chapter 5 is part of the Book of UYeremiya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYeremiya Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. IiNdumiso Chapter 1
  2. IiNdumiso Chapter 3
  3. IiNdumiso Chapter 2
  4. IiNdumiso Chapter 14
  5. IiNdumiso Chapter 13
  6. IiNdumiso Chapter 7
  7. IiNdumiso Chapter 4

Explore More from Uyeremiya

  1. UYeremiya Chapter 23
  2. UYeremiya Chapter 37
  3. UYeremiya Chapter 51
  4. UYeremiya Chapter 45
  5. UYeremiya Chapter 32
  6. UYeremiya Chapter 25
  7. UYeremiya Chapter 13

Related Chapters & Readings

  1. UIsaya Chapter 21
  2. IZenzo Chapter 2
  3. ILevitikus Chapter 6
  4. IDuteronomi Chapter 10
  5. UDaniyeli Chapter 8
  6. KumaGalati Chapter 6
  7. UNehemiya Chapter 4
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *