Read 1 YooKumkani Chapter 17 Online
Read 1 YooKumkani Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YooKumkani and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 YooKumkani 17
Isahluko 17
1. Wathi uEliya waseTishbhi, wasezindwendweni zaseGiliyadi, kuAhabhi, Ehleli nje uYehova uThixo wakwaSirayeli, endimi phambi kwakhe, akuyi kukha kubekho mbethe namvula le minyaka, kungengalo ilizwi lam.
2. Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,
3. Hamba umke apha, ubheke empumalanga, uzimele emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.
4. Wothi usele emlanjaneni apho; ndiwawisele umthetho amahlungulu ukuba akuxhase khona.
5. Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, waya wahlala emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.
6. Amahlungulu amzisela isonka nenyama kusasa, isonka nenyama ngokuhlwa, wasela emlanjaneni apho.
7. Kuthe, kwakuhamba ixesha, watsha umlanjana, ngokuba bekungabangakho mvula ezweni.
8. Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,
9. Suka uye eTsarfati yaseTsidon, uhlale khona; uyabona, ndimwisele umthetho khona umfazi ongumhlolokazi, ukuba akuxhase.
10. Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.
11. Waya kuwakha; wambiza, wathi, Khawundiphathele neqhekeza lesonka ngesandla.
12. Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka; ngumgubo ongazalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife.
13. Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; yiya, wenze ngokwelizwi lakho; kodwa ke ndenzele isonkana ngawo ukuqala, undizisele, uzenzele ke wena nonyana wakho emveni koko.
14. Ngokuba utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Umphanda womgubo awuyi kuphela, neselwa leoli aliyi kuminyelelwa, ide ifike imini aya kuyinisa ngayo imvula uYehova phezu komhlaba.
15. Waya ke, wenza ngokwelizwi likaEliya, wadla yena, naye, nendlu yakhe, zaziintsuku.
16. Umphanda womgubo awuphelanga, iselwa leoli alaminyelelwa, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoEliya.
17. Kwathi emveni kwezo zinto, wahliwa sisifo unyana waloo mfazi ungumnikazindlu; sathi isifo sakhe saba nzima kakhulu, kwada akwabakho kuphefumla kuye.
18. Wathi kuEliya, Yintoni na enam nawe, mfo wakwaThixo? Uze kum, ukuba undikhumbuze ubugwenxa bam, umbulale unyana wam?
19. Wathi kuye, Ndinike unyana wakho. Wamthabatha ke esifubeni sakhe, wenyuka naye, waya egumbini eliphezulu abehlala kulo, wamlalisa phezu kwesingqengqelo sakhe.
20. Wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, umenzele ububi nomhlolokazi lo na ndiphambukele kuye, ngokubulala unyana wakhe?
21. Wazolula phezu komntwana izihlandlo zazithathu, wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, mawukhe ubuyele phakathi kwakhe umphefumlo walo mntwana.
22. Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila.
23. Wamthabatha uEliya umntwana, wehla naye egumbini eliphezulu, waya endlwini, wamnika unina; wathi uEliya, Uyabona, uphilile unyana wakho.
24. Wathi loo mfazi kuEliya, Kaloku ke ndiyazi ukuba ungumfo wakwaThixo wena, nelizwi likaYehova elisemlonyeni wakho liyinyaniso.
About 1 YooKumkani Chapter 17
Read 1 YooKumkani Chapter 17 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YooKumkani in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 YooKumkani
Chapter: 17
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YooKumkani. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 YooKumkani Chapter 17 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 YooKumkani Chapter 17?
1 YooKumkani Chapter 17 is part of the Book of 1 YooKumkani in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 YooKumkani Chapter 17 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1-yookumkani
- 1 YooKumkani Chapter 12
- 1 YooKumkani Chapter 5
- 1 YooKumkani Chapter 1
- 1 YooKumkani Chapter 14
- 1 YooKumkani Chapter 3
- 1 YooKumkani Chapter 2
- 1 YooKumkani Chapter 22
Explore More from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 22
- UEzra Chapter 7
- IiNdumiso Chapter 110
- IDuteronomi Chapter 1
- UHezekile Chapter 31
- 1 YooKumkani Chapter 14
- AbaGwebi Chapter 6