UYeremiya Chapter 28

For English

Read UYeremiya Chapter 28 Online

Read UYeremiya Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYeremiya and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYeremiya 28

Isahluko 28

1. Ke kaloku, kwathi ngaloo mnyaka, ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka wesine, ngenyanga yesihlanu, wathetha kum uHananiya unyana ka-Azure, umprofeti waseGibheyon, endlwini kaYehova, emehlweni ababingeleli nabantu bonke, esithi,

2. Utshilo uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndiyayaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.

3. Kwangale minyaka mibini izalisekileyo, ndiya kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova, awayithabathayo kuloo ndawo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wayisa eBhabheli.

4. Ndiya kubabuyisela kule ndawo oYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabafudusiweyo bonke bakwaYuda, abaye eBhabheli, utsho uYehova; ngokuba ndiya kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.

5. Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, emehlweni ababingeleli, nasemehlweni abantu bonke abemiyo endlwini kaYehova:

6. wathi uYeremiya umprofeti, Amen, makenjenjalo uYehova. Makawamise uYehova amazwi akho owaprofetele ukuba ayibuyise impahla yendlu kaYehova, nabafudusiweyo bonke eBhabheli, beze kule ndawo.

7. Khawuve eli lizwi ndilithethayo ezindlebeni zakho, nasezindlebeni zabantu bonke.

8. Abaprofeti ababengaphambili kum nangaphambili kwakho kwasephakadeni, baprofeta imfazwe, nobubi, nendyikitya yokufa, besingisele kumazwe amaninzi nangezikumkani ezikhulu.

9. Umprofeti lowo uprofeta uxolo, uya kwaziwa ukuba ungumprofeti othunyiweyo nguYehova okunene, ekwenzekeni kwelo lizwi lomprofeti lowo.

10. Ke kaloku uHananiya umprofeti wayithabatha idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, wayaphula.

11. Wathetha uHananiya emehlweni abantu bonke, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukuyaphula idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngale minyaka mibini iza kuzaliseka, ezintanyeni zeentlanga zonke. Wemka ke uYeremiya umprofeti, wahamba indlela yakhe.

12. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya emva kokuyaphula kukaHananiya umprofeti idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, lisithi,

13. Yiya uthethe kuHananiya, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Uzaphule iidyokhwe zomthi, ke yenza iidyokhwe zesinyithi esikhundleni sazo.

14. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeke idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ziya kumkhonza ke; kwanamaramncwa asendle ndiwanikele kuye.

15. Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, Khawuve, Hananiya; uYehova akakuthumanga; wena aba bantu ubakholosisa ngobuxoki.

16. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiva kukugxotha ebusweni bomhlaba; uya kufa nonyakanje, ngokuba uthethe elokukreqa kuYehova.

17. Wafa ke uHananiya umprofeti ngaloo mnyaka, ngenyanga yesixhenxe.

About UYeremiya Chapter 28

Read UYeremiya Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYeremiya
Chapter: 28
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYeremiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYeremiya Chapter 28 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYeremiya Chapter 28?

UYeremiya Chapter 28 is part of the Book of UYeremiya in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYeremiya Chapter 28 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. ILevitikus Chapter 1
  3. IGenesis Chapter 3
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uyeremiya

  1. UYeremiya Chapter 11
  2. UYeremiya Chapter 45
  3. UYeremiya Chapter 24
  4. UYeremiya Chapter 46
  5. UYeremiya Chapter 37
  6. UYeremiya Chapter 43
  7. UYeremiya Chapter 42

Related Chapters & Readings

  1. UYohane Chapter 14
  2. UYobhi Chapter 33
  3. IsiTyhilelo Chapter 1
  4. ULuka Chapter 5
  5. UHezekile Chapter 42
  6. IZenzo Chapter 15
  7. KumaGalati Chapter 4
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *