IDuteronomi Chapter 8

For English

Read IDuteronomi Chapter 8 Online

Read IDuteronomi Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IDuteronomi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IDuteronomi 8

Isahluko 8

1. Wonke umthetho endikuwiselayo namhla, ize nizigcine ngokwenu ukuba niwenze, ukuze niphile, nande, ningene nilime ilizwe elo walifungela ooyihlo uYehova.

2. Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho, le minyaka imashumi mane entlango, ukuze akuthobe, akulinge, akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba woyigcina imithetho yakhe, akuyi kuyigcina, kusini na.

3. Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.

4. Ingubo yakho ayonakalanga bubudala ikushiye, nonyawo lwakho aludumbanga, le minyaka imashumi mane.

5. Uze wazi ngentliziyo yakho, ukuba njengoko umntu amqeqeshayo unyana wakhe, uYehova uThixo wakho uyakuqeqesha wena;

6. uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.

7. Kuba uYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle; ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni;

8. ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane, neerharnate; ezweni leminquma yeoli, nobusi;

9. ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo;

10. udle, uhluthe, umbonge uYehova uThixo wakho ngenxa yelizwe elihle akunike lona.

11. Zigcine, hleze umlibale uYehova uThixo wakho ngokungayigcini imithetho yakhe, namasiko akhe, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla;

12. hleze uthi, wakudla uhluthe, wakhe izindlu ezintle, uhlale kuzo;

13. zande iinkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, yande kuwe isilivere negolide, yande yonke into onayo:

14. isuke iphakame intliziyo yakho, umlibale uYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;

15. owakuhambisayo entlango enkulu eyoyikekayo, eneenyoka ezinobuhlungu, noonomadudwane, nebalelelwe lilanga, engenamanzi; owakuvelisela amanzi eweni leqhwitha;

16. owakudlisa imana entlango, into ababengayazi ooyihlo, ukuze akuthobe, akulinge, ukuba akwenzele okulungileyo ekupheleni kwakho;

17. uze uthi ke entliziyweni yakho, Ngamandla am nokuqina kwesandla sam okundizuzise obu butyebi.

18. Uze umkhumbule uYehova uThixo wakho, ngokuba nguye okunika amandla okuzuza ubutyebi; ukuze awumise umnqophiso wakhe abewufungele ooyihlo, njengoko kunjalo namhla.

19. Kothi, ukuba uthe wamlibala uYehova uThixo wakho, walandela thixo bambi, wabakhonza, wabanqula, ndiyaningqinela namhla, ukuba nobhubha kanye.

20. Njengeentlanga uYehova azenze zadaka ebusweni benu, nodaka ngokunjalo, ngenxa enokuba ningaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wenu.

About IDuteronomi Chapter 8

Read IDuteronomi Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IDuteronomi
Chapter: 8
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IDuteronomi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IDuteronomi Chapter 8 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IDuteronomi Chapter 8?

IDuteronomi Chapter 8 is part of the Book of IDuteronomi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IDuteronomi Chapter 8 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from iduteronomi

  1. IDuteronomi Chapter 1
  2. IDuteronomi Chapter 2
  3. IDuteronomi Chapter 18
  4. IDuteronomi Chapter 32
  5. IDuteronomi Chapter 17
  6. IDuteronomi Chapter 4
  7. IDuteronomi Chapter 34

Explore More from ITestamente Endala

  1. ILevitikus Chapter 6
  2. 2 YooKumkani Chapter 21
  3. IiNdumiso Chapter 37
  4. 2 YeziKronike Chapter 33
  5. 1 KaSamuweli Chapter 23
  6. UIsaya Chapter 42
  7. AbaGwebi Chapter 15

Related Chapters & Readings

  1. KwabaseEfese Chapter 3
  2. KumaHebhere Chapter 4
  3. UAmos Chapter 5
  4. UIsaya Chapter 59
  5. UIsaya Chapter 38
  6. UYobhi Chapter 28
  7. ILevitikus Chapter 26
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *