Read 1 YeziKronike Chapter 29 Online
Read 1 YeziKronike Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YeziKronike and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
1 YeziKronike 29
Isahluko 29
1. Wathi uDavide ukumkani kwibandla lonke, USolomon unyana wam, okuphela konyuliweyo nguThixo, mncinane, uthambile; ke umsebenzi mkhulu, ngokuba ibhotwe eli asilelomntu, lelikaYehova uThixo.
2. Ke, ngamandla am onke indlu kaThixo wam ndiyilungisele igolide yezinto zegolide, isilivere yezesilivere, ubhedu lwezobhedu, isinyithi sezesinyithi, imithi yezemithi, namatye ebherilo, nafakwayo, namatye okuhombisa, naziimfakamfele, namatye onke anqabileyo, namatye emarmore emhlophe, into eninzi.
3. Kananjalo ekubeni ilikholo kum indlu kaThixo wam, ndinenqobo yegolide nesilivere, endiyimisele indlu kaThixo wam, engaphandle kwayo yonke endiyilungisele indlu engcwele;
4. amawaka amathathu eetalente zegolide yasegolideni yakwaOfire, amawaka asixhenxe eetalente zesilivere ehluziweyo yokwaleka iindonga zezindlu;
5. ukuba ibe yeye zinto ngezinto zegolide, ibe yeyezinto ngezinto zesilivere, ibe yeyemisebenzi yonke yesandla seengcibi. Ngubani na ke oqhutywa yintliziyo ukuzimisela namhla kuYehova?
6. Banikela ke ngokuqhutywa yintliziyo abathetheli bezindlu zooyise, nabathetheli bezizwe zakwaSirayeli, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, naba thetheli bomsebenzi wokumkani.
7. Banikela kwinkozo yendlu kaThixo igolide yaziitalente ezingamawaka amahlanu needarike ezilishumi lamawaka; nesilivere yaziitalente ezingamawaka alishumi, nobhedu lwaziitalente ezingamawaka alishumi elinesibhozo, nesinyithi saziitalente ezingamawaka alikhulu.
8. Abo ke, kwafumaneka kubo amatye anqabileyo, bawanikela ebuncwaneni bendlu kaYehova, esandleni sikaYehiyeli umGershom.
9. Bakuvuyela abantu ukunikela kwabo ngokuqhutywa yintliziyo; ngokuba banikela ngokuqhutywa yintliziyo ephelelisileyo kuYehova. Kananjalo uDavide ukumkani wavuya ngovuyo olukhulu.
10. UDavide wambonga uYehova phambi kwebandla lonke; wathi uDavide, Mawubongwe wena, Yehova, Thixo kaSirayeli, ubawo wethu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.
11. Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; uphakamile wayintloko yeento zonke.
12. Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto.
13. Ke ngoko, Thixo wethu, sinokubulela kuwe, sidumise igama lakho elibekekileyo.
14. Ngokuba ndingubani na mna, bangoobani na abantu bam, ukuba side sibe namandla okunika ngokuqhutywa yintliziyo njengoku? Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho.
15. Ngokuba singabaphambukeli phambi kwakho, silundwendwe njengoobawo bethu bonke; injengesithunzi imihla yethu ehlabathini apha, kungekho themba lakuhlala.
16. Yehova Thixo wethu, yonke le ngxokolo, siyilungisele ukulakhela indlu igama lakho elingcwele, ivela esandleni sakho, yeyakho yonke.
17. Ndiyazi, Thixo wam, ukuba uyayicikida intliziyo; ukholiswa kokuthe tye. Mna ke, ekuthini tye kwentliziyo yam, ndizinike ngokuqhutywa yintliziyo zonke ezi zinto. Kaloku abantu bakho aba bakhoyo apha, ndibone ngovuyo benikela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo.
18. Yehova, Thixo ka-Abraham, noIsake, noSirayeli, oobawo bethu, kugcine ngonaphakade oko ekuyileni kweengcinga zeentliziyo zabantu bakho, uyibhekise kuwe intliziyo yabo;
19. uSolomon unyana wam umnike intliziyo ephelelisileyo, yokugcina imithetho yakho, nezingqino zakho, nemimiselo yakho, ayenze yonke, alakhe eli bhotwe ndililungiseleleyo.
20. Wathi uDavide kwibandla lonke, Khanibonge uYehova uThixo wethu. Labonga ke ibandla lonke uYehova uThixo wooyise, bathoba, baqubuda kuYehova nakukumkani.
21. Babingelela kuYehova imibingelelo, banyusa amadini anyukayo kuYehova kwakusa ngengomso, iinkunzi ezintsha zeenkomo zaliwaka, iinkunzi zeegusha zaliwaka, iimvana zaliwaka, neminikelo yawo ethululwayo, nemibingelelo yoxolo emininzi, ngenxa yamaSirayeli onke.
22. Badla basela ngaloo mini phambi koYehova ngovuyo olukhulu. USolomon unyana kaDavide bamenza ukumkani ngokwesibini; bamthambisa phambi koYehova ukuba abe yinganga, noTsadoki abe ngumbingeleli.
23. Wahlala ke uSolomon etroneni kaYehova, engukumkani esikhundleni sikaDavide uyise, wanempumelelo; ambeka onke amaSirayeli.
24. Bonke abathetheli, namagorha, kwanoonyana bonke bokumkani uDavide, basilulamela isandla sikaSolomon ukumkani.
25. UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
26. Ke kaloku uDavide, unyana kaYese, waye engukumkani wamaSirayeli onke.
27. Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mane; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.
28. Wafa ke, eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko; uSolomon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
29. Izinto zikaDavide ukumkani, ezokuqala nezokuphela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaSamuweli imboni, nasemicimbini kaNatan umprofeti, nasemicimbini kaGadi imboni;
30. kunye nobukumkani bakhe bonke, nobugorha bakhe, nezinto ezamhlelayo yena, namaSirayeli, nezikumkani zonke zamazwe.
About 1 YeziKronike Chapter 29
Read 1 YeziKronike Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 1 YeziKronike
Chapter: 29
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 1 YeziKronike Chapter 29 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 1 YeziKronike Chapter 29?
1 YeziKronike Chapter 29 is part of the Book of 1 YeziKronike in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 1 YeziKronike Chapter 29 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 1-yezikronike
- 1 YeziKronike Chapter 1
- 1 YeziKronike Chapter 28
- 1 YeziKronike Chapter 19
- 1 YeziKronike Chapter 22
- 1 YeziKronike Chapter 3
- 1 YeziKronike Chapter 26
- 1 YeziKronike Chapter 25
Explore More from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 49
- 2 YeziKronike Chapter 18
- IiNdumiso Chapter 108
- UDaniyeli Chapter 8
- UZekariya Chapter 14
- ILevitikus Chapter 16
- IiNdumiso Chapter 99