Read UEzra Chapter 1 Online
Read UEzra Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UEzra in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UEzra and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UEzra 1
Isahluko 1
1. Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi, ukumkani wasePersi; wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala, esithi,
2. Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi, ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinike mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda.
3. Ubani ophakathi kwenu, ebantwini bakhe bonke, uThixo wakhe makabe naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli (nguye uThixo), eseYerusalem.
4. Onke amasalela, ezindaweni zonke aphambukele kuzo, makancedwe ngamadoda aloo ndawo akuyo ngesilivere, negolide, nempahla, neenkomo, kunye nomnikelo wabaqhutywa yintliziyo, wendlu kaThixo eseYerusalem.
5. Zesuka ke iintloko zezindlu zooyise zakwaYuda, nezakwaBhenjamin, nezababingeleli, nezabaLevi, bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, ukuba banyuke, baye kuyakha indlu kaYehova eseYerusalem.
6. Bonke ababebangqongile babancedisa ngezitya zesilivere, nangegolide, nangempahla, nangeenkomo, nangezinto ezinqabileyo; ngaphandle kwazo zonke ezibe zinikwe ngabantu ngokuqhutywa yintliziyo.
7. Ke ukumkani uKoreshi wazirhola iimpahla zendlu kaYehova, awayezithabathe eYerusalem uNebhukadenetsare, wazibeka endlwini yoothixo bakhe.
8. UKoreshi ukumkani wasePersi wazirhola, wazinikela kuMitredati, umgcini-ndyebo, wazibalela kuSheshbhatsare, isikhulu sakwaYuda.
9. Lilo eli inani lazo: izitya zegolide zamashumi mathathu, izitya zesilivere zaliwaka, iinkamba zamashumi mabini anesithoba, iindebe zegolide zamashumi mathathu,
10. iindebe zesilivere zohlobo lwesibini zamakhulu mane anashumi linye, iimpahla ezizimbi zaliwaka.
11. Zonke iimpahla zegolide nezesilivere zaba mawaka mahlanu anamakhulu amane. Zonke ezo nto wazinyusa uSheshbhatsare, ekunyusweni kwababethinjelwe eBhabheli, beziswa eYerusalem.
About UEzra Chapter 1
Read UEzra Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UEzra in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UEzra
Chapter: 1
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UEzra. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UEzra Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UEzra Chapter 1?
UEzra Chapter 1 is part of the Book of UEzra in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UEzra Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- IiNdumiso Chapter 1
- IiNdumiso Chapter 3
- IiNdumiso Chapter 2
- IiNdumiso Chapter 14
- IiNdumiso Chapter 13
- IiNdumiso Chapter 7
- IiNdumiso Chapter 4
Explore More from uezra
- UEzra Chapter 3
- UEzra Chapter 10
- UEzra Chapter 7
- UEzra Chapter 8
- UEzra Chapter 2
- UEzra Chapter 5
- UEzra Chapter 9