1 KaPetros Chapter 2

For English

Read 1 KaPetros Chapter 2 Online

Read 1 KaPetros Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaPetros in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 KaPetros and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

1 KaPetros 2

Isahluko 2

1. Ngoko, nilulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi, walangazeleleni,

2. ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo;

3. ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele.

4. Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabile:

5. nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu.

6. Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe.

7. Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo,

8. Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona.

9. Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso;

10. enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba.

11. Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo.

12. Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.

13. Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo;

14. nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo.

15. Ngokuba ukuthanda kukaThixo kukuba nithi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintsweli-kuqonda;

16. nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakathixo.

17. Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni.

18. Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa.

19. Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa.

20. Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo.

21. Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe:

22. ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe;

23. obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa;

24. owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo.

25. Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.

About 1 KaPetros Chapter 2

Read 1 KaPetros Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 KaPetros in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 KaPetros
Chapter: 2
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 KaPetros. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 KaPetros Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 KaPetros Chapter 2?

1 KaPetros Chapter 2 is part of the Book of 1 KaPetros in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 KaPetros Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1 Kapetros

  1. 1 KaPetros Chapter 1
  2. 1 KaPetros Chapter 5
  3. 1 KaPetros Chapter 3
  4. 1 KaPetros Chapter 4

Explore More from ITestamente Entsha

  1. ULuka Chapter 11
  2. IsiTyhilelo Chapter 10
  3. UMateyu Chapter 24
  4. ULuka Chapter 16
  5. EkaYakobi Chapter 3
  6. IsiTyhilelo Chapter 7
  7. 2 KwabaseKorinte Chapter 11

Related Chapters & Readings

  1. INumeri Chapter 26
  2. IiNdumiso Chapter 85
  3. ILevitikus Chapter 9
  4. 1 YeziKronike Chapter 29
  5. 2 KaPetros Chapter 1
  6. KwabaseRoma Chapter 8
  7. IiNdumiso Chapter 59
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *