Read IDuteronomi Chapter 29 Online
Read IDuteronomi Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IDuteronomi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IDuteronomi 29
Isahluko 29
1. Ngawo la amazwi omnqophiso, awamwisela uMoses umthetho ngawo uYehova, ukuba awenze noonyana bakaSirayeli ezweni lakwaMowabhi, ngaphandle komnqophiso awawenzayo nabo eHorebhe.
2. UMoses wawabiza amaSirayeli onke, wathi kuwo, Nikubonile konke akwenzileyo uYehova emehlweni enu ezweni laseYiputa, kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;
3. izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, eziyimiqondiso nezimanga ezikhulu.
4. Ke akaninikanga uYehova intliziyo yokwazi, namehlo okubona, neendlebe zokuva, unanamhla.
5. Ndinihambisile iminyaka engamashumi amane entlango. Iingubo zenu azonakalanga bubudala, zinishiye; neembadada zakho azonakalanga ziphele ezinyaweni zakho;
6. anidlanga sonka, aniselanga wayini nasiselo sinxilisayo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
7. Nafika kule ndawo, waphuma uSihon ukumkani waseHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, basihlangabeza ngemfazwe, sababulala;
8. salithabatha ilizwe labo salinika amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ukuba libe lilifa.
9. Wagcineni ke amazwi alo mnqophiso, niwenze, ukuze nikwenze ngengqiqo konke eniya kukwenza.
10. Nimi namhla nonke niphela phambi koYehova uThixo wenu; iintloko zenu, nezizwe zenu, namadoda amakhulu akowenu, nababhali benu, onke amadoda akwaSirayeli,
11. nabantwana benu, nabafazi benu, nomphambukeli ophakathi komzi wakho, kuthabathela kogawula iinkuni zakho, kuse kokha amanzi akho;
12. ukuba ungene emnqophisweni kaYehova uThixo wakho, asesifungweni sakhe, asenzayo uYehova uThixo wakho nawe namhla;
13. ukuze animise namhla nibe ngabantu kuye, yena abe nguThixo kuni, njengoko wakuthethayo kuni, njengoko wakufungayo kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.
14. Andiwenzi nani nedwa lo mnqophiso nesi sifungo;
15. ndiwenza nomiyo apha nathi namhla phambi koYehova uThixo wethu, kwanongekhoyo apha nathi namhla.
16. Ngokuba nina niyakwazi ukuhlala kwethu ezweni laseYiputa, nokucanda kwethu phakathi kweentlanga enacanda kuzo;
17. nazibona izinto zazo ezinezothe, nezigodo ezizizithixo zazo, imithi namatye, isilivere negolide, ezinazo:
18. hleze kubekho kuni ndoda, namfazi, namzalwane, nasizwe, sintliziyo ijikayo namhla, imke kuYehova uThixo wethu, iye kukhonza oothixo bezo ntlanga; hleze kubekho kuni ingcambu ezele ubuhlungu nomhlonyane;
19. kuthi, ekuweveni kwakhe amazwi esi sishwabulo, azisikelele entliziyweni yakhe, esithi, Ndoba noxolo; ngokuba ndihamba ebungqoleni bentliziyo yam, ukuze kuphetshethwe osele wahlutha kwanonxaniweyo.
20. UYehova akasayi kuvuma ukumxolela; wosuka uqhume umsindo kaYehova nekhwele lakhe kuloo ndoda, silalephezu kwayo sonke isishwabulo esibhaliweyo kule ncwadi, alicime uYehova igama layo phantsi kwezulu.
21. Woyahlulela uYehova okubi ezizweni zonke zamaSirayeli, ngokwezishwabulo zonke zomnqophiso obhaliweyo encwadini yalo myalelo.
22. Sothi isizukulwana esisemva kwenu, oonyana benu abaya kuvela emva kwenu nowolunye uhlanga ovela ezweni elikude, bazibone izibetho zelolizwe, nezifo zalo uYehova azihlisileyo kulo:
23. isulfure netyuwa, litshile lonke ilizwe lakhona, lingahlwayelwa, lingahlumi nto, lingaphumi tyani; linjengokubhukuqwa kweSodom neGomora, iAdama neTsebhoyim, awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangobushushu bakhe.
24. Zothi ke zonke iintlanga, Kungenxa yantoni na, ukuba uYehova enjenje kweli lizwe? Kuyini na ukuvutha kwalo msindo mkhulu kangaka?
25. Kuthiwe, Kungokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wooyise, awawenza nabo ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.
26. Baya bakhonza thixo bambi, babanqula, oothixo abangabaziyo, abengababelanga yena.
27. Wavutha ke umsindo kaYehova kwelo zwe, ukuba kuziswe phezu kwalo zonke iziqalekiso ezibhaliweyo kule ncwadi;
28. uYehova wabanyothula emhlabeni wabo ngomsindo, nangobushushu, nangoburhalarhume obukhulu, wabaphosa zweni limbi, njengoko kunjalo namhla.
29. Izinto ezisitheleyo zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni, ukuze siwenze onke amazwi alo myalelo.
About IDuteronomi Chapter 29
Read IDuteronomi Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IDuteronomi
Chapter: 29
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IDuteronomi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IDuteronomi Chapter 29 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IDuteronomi Chapter 29?
IDuteronomi Chapter 29 is part of the Book of IDuteronomi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IDuteronomi Chapter 29 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from iduteronomi
- IDuteronomi Chapter 17
- IDuteronomi Chapter 1
- IDuteronomi Chapter 33
- IDuteronomi Chapter 2
- IDuteronomi Chapter 34
- IDuteronomi Chapter 28
- IDuteronomi Chapter 19
Explore More from ITestamente Endala
- UHezekile Chapter 7
- IiNdumiso Chapter 130
- UDaniyeli Chapter 1
- UIsaya Chapter 9
- IEksodus Chapter 30
- INumeri Chapter 13
- UEstere Chapter 7