Read UNehemiya Chapter 11 Online
Read UNehemiya Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UNehemiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UNehemiya and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UNehemiya 11
Isahluko 11
1. Bahlala abathetheli babantu eYerusalem; abanye abantu bawisa amaqashiso, ukuba kungeniswe abe mnye kwabalishumi, ahlale eYerusalem kuwo umzi ongcwele, nezinye izahlulo ezisithoba zihlale kweminye imizi.
2. Abantu bawasikelela amadoda onke aqhutywa yintliziyo ukuba ahlale eYerusalem.
3. Zizo ezi iintloko zelizwe lakwaYuda, ezahlala eYerusalem; ke emizini yakwaYuda, yaba ngulowo wahlala elifeni lakhe, emizini yabo, ingamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, nabakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon.
4. EYerusalem kwahlala ezoonyana bakaYuda, nezoonyana bakaBhenjamin. Koonyana bakaYuda: yanguAtaya, unyana kaUziya, unyana kaZekariya, unyana ka-Amariya, unyana kaShefatiya, unyana kaMahalaleli koonyana bakaPeretse;
5. noMahaseya, unyana kaBharuki, unyana kaKoli-hoze, unyana kaHazaya, unyana ka-Adaya, unyana kaYoyaribhi, unyana kaZekariya, unyana womSheloni.
6. Bonke oonyana bakaPeretse, ababehlala eYerusalem, ibingamakhulu amane, anamanci mathandathu anesibhozo, amadoda anobukroti.
7. Ngabo aba oonyana bakaBhenjamin: ibinguSalu, unyana kaMeshulam, unyana kaYohedi, unyana kaPedaya, unyana kaKolaya, unyana kaMahaseya, unyana kaItiyeli, unyana kaYesaya.
8. Emva kwakhe ibinguGabhayi-salayi, enamakhulu asithoba, anamanci mabini anesibhozo;
9. noYoweli unyana kaZikri, umphathi kubo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kubaphathi bomzi.
10. Kubabingeleli: ibinguYedaya unyana kaYoyaribhi, noYakin,
11. noSeraya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, inganga yendlu kaThixo,
12. nabazalwana babo ababesenza umsebenzi wendlu, bengamakhulu asibhozo, anamanci mabini anababini; noAdaya unyana kaYeroham, unyana kaPelaleya, unyana ka-Amtsi, unyana kaZekariya, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya,
13. nabazalwana bakhe, iintloko zezindlu zooyise, bengamakhulu amabini, anamanci mane anababini; noAmashesayi, unyana ka-Azareli, unyana ka-Azayi, unyana kaMeshilemoti, unyana kaImere;
14. nabazalwana babo, amagorha anobukroti, belikhulu elinamanci mabini anesibhozo; umphathi kubo ibinguZabhediyeli unyana kaGedolim.
15. KubaLevi: ibinguShemaya unyana kaHashubhi, unyana ka-Azarikam, unyana kaHashabhiya, unyana kaBhuni,
16. noShabhetayi, noYozabhadi, ababephethe umsebenzi ongaphandle wendlu kaThixo, kwiintloko zabaLevi;
17. noMataniya unyana kaMika, unyana kaZabhedi, unyana ka-Asafu, obengumhlabeli wezokudumisa emthandazweni, noBhakebhukiya, obengowesibini kubazalwana bakhe, noAbheda, unyana kaShamuwa, unyana kaGalali, unyana kaYedutun.
18. Bebonke abaLevi emzini ongcwele babengamakhulu amabini, anamanci asibhozo anabane.
19. Abamasango: ibinguAkubhi, noTalemon, nabazalwana babo abagcina amasango, belikhulu elinamanci asixhenxe anababini.
20. Amanye amaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, babekweminye imizi yonke yakwaYuda, elowo eselifeni lakhe.
21. Ke abakhonzi betempile babehlala eOfele; abakhonzi abo betempile babephethwe nguTsiha noGishpa.
22. Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uzi unyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.
23. Ngokuba umthetho wokumkani ubuphezu kwabo, nomnqophiso wenene ubuphezu keemvumi malunga nento yemini ngangemini yayo.
24. UPetaya unyana kaMeshezabheli, koonyana bakaZera, unyana kaYuda, ubesisandla sokumkani ezintweni zonke zabantu.
25. Emizini nasemaphandleni ayo kwahlala inxenye yoonyana bakaYuda eKiriyati ka-Arbha namagxamesi ayo, naseDibhon namagxamesi ayo, naseKabhetseli nemizi yayo,
26. naseYeshuwa, naseMolada, naseBhete-palete,
27. naseHatsore-shuwali, naseBher-shebha namagxamesi ayo,
28. naseTsikelage, naseMekona namagxamesi ayo,
29. nase-Enrimon, naseTsora, naseYarmuti,
30. naseZanowa, naseAdulam namagxamesi ayo, naseLakishe, nasemaphandleni ayo, naseAzeka namagxamesi ayo. Bahlala ke, bathabathela eBher-shebha besa emfuleni wakwaHinom.
31. Oonyana bakaBhenjamin bathabathela eGebha, besa eMikimas, naseAya, naseBheteli namagxamesi ayo,
32. naseAnatoti, naseNobhi, naseAnaniya,
33. naseHatsore, naseRama, naseGitayim,
34. naseHadidi, naseTsebhoyim, naseNebhalati,
35. naseLode, naseOno emfuleni weengcibi.
36. NakubaLevi kwaphuma amaqela kwaYuda, eza kwaBhenjamin.
About UNehemiya Chapter 11
Read UNehemiya Chapter 11 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UNehemiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UNehemiya
Chapter: 11
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UNehemiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UNehemiya Chapter 11 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UNehemiya Chapter 11?
UNehemiya Chapter 11 is part of the Book of UNehemiya in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UNehemiya Chapter 11 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
- IEksodus Chapter 1
Explore More from unehemiya
- UNehemiya Chapter 1
- UNehemiya Chapter 12
- UNehemiya Chapter 13
- UNehemiya Chapter 7
- UNehemiya Chapter 2
- UNehemiya Chapter 8
- UNehemiya Chapter 3