1 YeziKronike Chapter 16

For English

Read 1 YeziKronike Chapter 16 Online

Read 1 YeziKronike Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 1 YeziKronike and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

1 YeziKronike 16

Isahluko 16

1. Bayingenisa ityeya kaThixo, bayimisa esazulwini sentente abeyimisele yona uDavide; basondeza amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, phambi koThixo.

2. Wagqiba ke uDavide ukunyusa amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu egameni likaYehova.

3. Wababela bonke abantu bakwaSirayeli, ethabathela kwindoda wesa nakumfazi; elowo wamnika intenda yesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi.

4. Wamisa phambi kwetyeya kaYehova abalungiseleli kubaLevi, ukuba bakhumbuze, babulele, badumise uYehova uThixo kaSirayeli.

5. YanguAsafu intloko, yanguZekariya emva kwakhe, noYehiyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noMatitiya, noEliyabhi, noBhenaya, no-Obhedi-edom, noYahaziyeli, ngeempahla zemirhubhe nangeehadi; uAsafu wenza isandi ngamacangci.

6. OoBhenaya noYahaziyeli ababingeleli benza isandi ngamaxilongo ngamaxesha onke, phambi kwetyeya yomnqophiso kaThixo.

7. Waza ngaloo mini uDavide wabamisela kuqala ooAsafu nabazalwana bakhe ukubulela kuYehova:

8. Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.

9. Vumani kuye, mbetheleni uhadi, Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.

10. Qhayisani ngegama lakhe elingcwele, Mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova.

11. Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.

12. Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo, Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,

13. Mbewu kaSirayeli, yomkhonzi wakhe, Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.

14. NguYehova, nguThixo wethu yena; Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.

15. Khumbulani ngonaphakade umnqophiso wakhe, Ilizwi awalimisela izizukulwana eziliwaka,

16. Awanqophisana ngalo noAbraham; Nokufunga kwakhe kuIsake;

17. Nokumisa kwakhe ukuba kube ngummiselo kuYakobi, Kube ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;

18. Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan, Libe licandelo lelifa lenu,

19. Nisengamadoda ambalwa, Nibancinane, ningabaphambukeli kulo.

20. Bahamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga; Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.

21. Akavumela mntu ukuba abacudise, Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo,

22. Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam, Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.

23. Vumani kuYehova, nonke hlabathi, Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini.

24. Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo.

25. Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,

26. Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.

27. Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele.

28. Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla.

29. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Zisani umnikelo, nime phambi kwakhe; Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele.

30. Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi; Elimiweyo liya kuzinza ngoko, lingashukumi.

31. Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi, Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.

32. Malugqume ulwandle nokuzala kwalo; Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,

33. Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova; Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi.

34. Bulelani kuYehova ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

35. Yithini, Sisindise, Thixo osisindisayo, Usibuthe, usihlangule ezintlangeni, Ukuze sibulele igama lakho elingcwele, Sizingce ngendumiso yakho.

36. Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, Kususela kwaphakade, kude kuse ephakadeni! Bathi ke bonke abantu, Amen, bamdumisa uYehova.

37. Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo;

38. noo-Obhedi-edom nabazalwana babo, bemashumi mathandathu anesibhozo; uObhedi-edom, unyana kaYedutun, noHosa bengabamasango.

39. UTsadoki umbingeleli, nabazalwana bakhe abangababingeleli, babephambi komnquba kaYehova esigangeni esiseGibheyon,

40. ukuba banyuse amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sedini elinyukayo amaxesha onke, kusasa nangokuhlwa, njengako konke okubhaliweyo emyalelweni kaYehova, awawumisela amaSirayeli.

41. Babenabo ooHeman noYedutun, nabanye abanyulwa, abo babekhankanywe ngamagama, ukuba babulele kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

42. benooHeman noYedutun, benamaxilongo, namacangci, abo benza isandi beneempahla zokuvuma zikaThixo; oonyana bakaYedutun bengabamasango.

43. Bahamba bonke abantu, elowo waya endlwini yakhe; wabuya ke uDavide, weza kusikelela indlu yakhe.

About 1 YeziKronike Chapter 16

Read 1 YeziKronike Chapter 16 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 1 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 1 YeziKronike
Chapter: 16
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 1 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 1 YeziKronike Chapter 16 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 1 YeziKronike Chapter 16?

1 YeziKronike Chapter 16 is part of the Book of 1 YeziKronike in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 1 YeziKronike Chapter 16 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 1-yezikronike

  1. 1 YeziKronike Chapter 1
  2. 1 YeziKronike Chapter 28
  3. 1 YeziKronike Chapter 19
  4. 1 YeziKronike Chapter 22
  5. 1 YeziKronike Chapter 3
  6. 1 YeziKronike Chapter 29
  7. 1 YeziKronike Chapter 26

Explore More from ITestamente Endala

  1. IDuteronomi Chapter 31
  2. 2 YooKumkani Chapter 12
  3. INgoma yazo iiNgoma Chapter 3
  4. INumeri Chapter 20
  5. IiNdumiso Chapter 96
  6. IiNdumiso Chapter 60
  7. 2 YeziKronike Chapter 10

Related Chapters & Readings

  1. UMateyu Chapter 1
  2. IZenzo Chapter 1
  3. UYeremiya Chapter 14
  4. 1 YooKumkani Chapter 4
  5. 2 YooKumkani Chapter 19
  6. INumeri Chapter 7
  7. IiNdumiso Chapter 21
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *