2 YeziKronike Chapter 15

For English

Read 2 YeziKronike Chapter 15 Online

Read 2 YeziKronike Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 YeziKronike and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 YeziKronike 15

Isahluko 15

1. UMoya kaThixo wamfikela uAzariya, unyana kaOdede.

2. Waphuma, esiya kukhawulela uAsa, wathi kuye, Ndiphulaphuleni, Asa, nani nonke maYuda namaBhenjamin; uYehova unani ekubeni ninaye; ukuba nithe namquqela, nomfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.

3. AmaSirayeli ayenemihla emininzi engenaThixo wenyaniso, engenambingeleli uyalayo, engenamthetho.

4. Ke athi ekubandezelekeni kwawo, akubuyela kuYehova, uThixo kaSirayeli, ukuba amquqele, amfumana.

5. Ngaloo maxesha kwakungekho luxolo kophumayo nakongenayo, zaba ziziphithiphithi ezikhulu kubemi bonke bamazwe.

6. Uhlanga lwaqotywa luhlanga, umzi ngumzi; ngokuba uThixo wabadubaduba ngeembandezelo zonke.

7. Ke nina yomelelani; mazingawi izandla zenu; ngokuba umsebenzi wenu unomvuzo.

8. Wathi uAsa, akuweva loo mazwi nesiprofeto sikaOdede umprofeti, womelela, wazikhwelelisa zonke izinto ezinezothe ezweni lonke lakwaYuda nelakwaBhenjamin, nasemizini abeyithimbile kweleentaba lakwaEfrayim; wasihlaziya isibingelelo sikaYehova, esiphambi kwevaranda kaYehova.

9. Wawahlanganisa onke amaYuda namaBhenjamin nabasemzini ababekuwo, bakwaEfrayim, nabakwaManase, nabakwaSimon; ngokuba bagalela kuye abakwaSirayeli babaninzi, bakubona ukuba uYehova uThixo wakhe unaye.

10. Babuthelana ke eYerusalem ngenyanga yesithathu, ngomnyaka weshumi elinesihlanu wobukumkani buka-Asa,

11. babingelela kuYehova ngaloo mhla, bethabatha kumaxhoba ababeze nawo: amakhulu asixhenxe eenkomo, namawaka asixhenxe empahla emfutshane.

12. Benza umnqophiso wokumquqela uYehova, uThixo wooyise, ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke; bathi,

13. Bonke abasukuba bengamquqeli uYehova, uThixo kaSirayeli, mababulawe, kuthabathele komncinane kuse komkhulu; kuthabathele kwindoda kuse kwinkazana.

14. Bafunga kuYehova ngezwi elikhulu, nangokuduma, nangamaxilongo, nangezigodlo.

15. Asivuyela onke amaYuda isifungo eso; ngokuba afunga ngentliziyo yawo yonke, amquqela ngemvume yawo yonke, amfumana; uYehova wawaphumza ngeenxa zonke.

16. Kananjalo ukumkani wamguzula uMahaka unina, ukuba angabi saba yinkosikazi; ngokokuba wayemenzele uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasixhaxha isithixo sakhe, wasithi vithivithi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.

17. Ke iziganga azisuswanga kwaSirayeli; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe igqibelele yonke imihla yakhe.

18. Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezinto zakhe ezingcwele, endlwini kaThixo, isilivere, negolide, nempahla.

19. Akwaba sabakho mfazwe, kwada kwaba ngumnyaka wamashumi amathathu anesihlanu wobukumkani buka-Asa.

About 2 YeziKronike Chapter 15

Read 2 YeziKronike Chapter 15 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 YeziKronike in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 YeziKronike
Chapter: 15
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 YeziKronike. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 YeziKronike Chapter 15 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 YeziKronike Chapter 15?

2 YeziKronike Chapter 15 is part of the Book of 2 YeziKronike in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 YeziKronike Chapter 15 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2 Yezikronike

  1. 2 YeziKronike Chapter 21
  2. 2 YeziKronike Chapter 34
  3. 2 YeziKronike Chapter 32
  4. 2 YeziKronike Chapter 16
  5. 2 YeziKronike Chapter 14
  6. 2 YeziKronike Chapter 13
  7. 2 YeziKronike Chapter 2

Explore More from ITestamente Endala

  1. UMika Chapter 6
  2. IGenesis Chapter 7
  3. IEksodus Chapter 1
  4. INumeri Chapter 27
  5. IiNdumiso Chapter 21
  6. UIsaya Chapter 44
  7. UYoshuwa Chapter 7

Related Chapters & Readings

  1. KumaGalati Chapter 5
  2. IDuteronomi Chapter 31
  3. IiNdumiso Chapter 64
  4. UAmos Chapter 4
  5. UIsaya Chapter 12
  6. AbaGwebi Chapter 18
  7. IDuteronomi Chapter 8
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *