IEksodus Chapter 20

For English

Read IEksodus Chapter 20 Online

Read IEksodus Chapter 20 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IEksodus and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IEksodus 20

Isahluko 20

1. UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:

2. NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.

3. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.

4. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.

5. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;

6. ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.

7. Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.

8. Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.

9. Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;

10. ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho:

11. kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.

12. Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.

13. Uze ungabulali.

14. Uze ungakrexezi.

15. Uze ungebi.

16. Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.

17. Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

18. Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude.

19. Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife.

20. Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni.

21. Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.

22. Wathi uYehova kuMoses, Wotsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethe nani ndisemazulwini.

23. Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide.

24. Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam.

25. Ke ukuba uthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo; okanye ukuba uthe wayiphakamisa intlabo yakho phezu kwaso, woba usihlambele.

26. Uze ungenyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuze bakho kuso.

About IEksodus Chapter 20

Read IEksodus Chapter 20 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IEksodus in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IEksodus
Chapter: 20
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IEksodus. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IEksodus Chapter 20 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IEksodus Chapter 20?

IEksodus Chapter 20 is part of the Book of IEksodus in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IEksodus Chapter 20 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from Ieksodus

  1. IEksodus Chapter 2
  2. IEksodus Chapter 1
  3. IEksodus Chapter 17
  4. IEksodus Chapter 4
  5. IEksodus Chapter 33
  6. IEksodus Chapter 26
  7. IEksodus Chapter 15

Explore More from ITestamente Endala

  1. IEksodus Chapter 28
  2. UZekariya Chapter 4
  3. UIsaya Chapter 19
  4. UYobhi Chapter 20
  5. IDuteronomi Chapter 30
  6. 1 KaSamuweli Chapter 5
  7. UYeremiya Chapter 26

Related Chapters & Readings

  1. UYobhi Chapter 35
  2. IiNdumiso Chapter 47
  3. URute Chapter 2
  4. UIsaya Chapter 59
  5. IEksodus Chapter 26
  6. UHezekile Chapter 48
  7. UYoshuwa Chapter 14
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *