2 KwabaseKorinte Chapter 1

For English

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 1 Online

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KwabaseKorinte and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

2 KwabaseKorinte 1

Isahluko 1

1. UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, kunye nabo bonke abangcwele abakwelaseAkaya liphela:

2. uthi, makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

3. Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela,

4. osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo.

5. Ngokuba, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu.

6. Nokuba na ke siyabandezelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina, ukusindisa ke okusebenzayo ngokunyamezela kwenu kwa-ezo ntlungu sizivayo nathi; nokuba na ke siyathuthuzelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina.

7. Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo.

8. Kuba asithandi ukuba ningayazi, bazalwana, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla ethu, ngokokude sibuncame kanye nobomi.

9. Sasuka ngokwethu saba nesigwebo sokufa ngaphakathi kwethu, ukuze singabi ngabasazithembayo, sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo;

10. owasihlangulayo ekufeni okungako, osihlangulayo nangoku; esithembele kuye ukuba usaya kusihlangula:

11. nakubon’ ukuba niyancedisa nani ngokusikhungela, ukuze isipho esingokubabalwa, esenzelwe sona thina ngabantu abaninzi, sibulelwe ngabaninzi ngenxa yethu.

12. Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo.

13. Kuba asinibhaleli zimbi izinto, ikwazezo nizilesayo, nizaziyo kakuhle. Ndiyathemba ke ukuba niya kuzazi kakuhle, kude kuse nasekupheleni,

14. njengokuba nasaziyo kakuhle ngokuyinxenye, ukuba siliqhayiya lenu, kwanjengokuba nani nilelethu ngemini yeNkosi uYesu.

15. Ndinaloo nkoloseko ke, ndanqwenela ukunga ndingeza kuni kuqala, ukuze nibabalwe okwesibini;

16. ndize ndicande kuni ukuya kwelaseMakedoni; ndibuye, ndivela kwelaseMakedoni, ndize kuni, ndiphelekelelwe nini ukuya kwelakwaYuda.

17. Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum uewe, ewe; nohayi, hayi?

18. Ethembekile nje ke uThixo, ilizwi lethu kuni alibanga nguewe nohayi.

19. Kuba yena okaThixo uNyana, uYesu Kristu, owavakaliswayo phakathi kwenu sithi (ndim ke noSilvano noTimoti), akabanga nguewe nohayi; kuye nguewe kwakanye;

20. kuba ngangoko angako amadinga kaThixo, uewe ukuye, noamen ukuye, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi.

21. Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo;

22. ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu.

23. Mna ke ndibiza uThixo, ukuba abe lingqina emphefumlweni wam, ukuba kungokunivela, endithe ndaba andikezi eKorinte.

24. Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo.

About 2 KwabaseKorinte Chapter 1

Read 2 KwabaseKorinte Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: 2 KwabaseKorinte
Chapter: 1
Testament: New Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KwabaseKorinte. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading 2 KwabaseKorinte Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is 2 KwabaseKorinte Chapter 1?

2 KwabaseKorinte Chapter 1 is part of the Book of 2 KwabaseKorinte in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete 2 KwabaseKorinte Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from 2-kwabasekorinte

  1. 2 KwabaseKorinte Chapter 10
  2. 2 KwabaseKorinte Chapter 2
  3. 2 KwabaseKorinte Chapter 9
  4. 2 KwabaseKorinte Chapter 7
  5. 2 KwabaseKorinte Chapter 6
  6. 2 KwabaseKorinte Chapter 4
  7. 2 KwabaseKorinte Chapter 13

Explore More from ITestamente Entsha

  1. KwabaseRoma Chapter 3
  2. KumaGalati Chapter 6
  3. KwabaseRoma Chapter 10
  4. ULuka Chapter 14
  5. UMateyu Chapter 20
  6. 1 KwabaseKorinte Chapter 11
  7. 1 KwabaseKorinte Chapter 6

Related Chapters & Readings

  1. 2 KwabaseKorinte Chapter 8
  2. 1 YooKumkani Chapter 22
  3. 2 YooKumkani Chapter 22
  4. IsiTyhilelo Chapter 4
  5. KuTito Chapter 1
  6. INgoma yazo iiNgoma Chapter 8
  7. UYeremiya Chapter 24
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *