IDuteronomi Chapter 5

For English

Read IDuteronomi Chapter 5 Online

Read IDuteronomi Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IDuteronomi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

IDuteronomi 5

Isahluko 5

1. Wawabiza uMoses amaSirayeli onke, wathi kuwo, Yivani, maSirayeli, imimiselo namasiko endiwathethayo ezindlebeni zenu namhla, ukuze niwafunde, nigcine ukuwenza.

2. UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe.

3. UYehova akawenzanga noobawo bethu lomnqophiso; wawenza nathi aba sikhoyo sonke siphela, siphilile namhlanje.

4. UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo.

5. Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ananyuka niye entabeni. Wathi:

6. NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.

7. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.

8. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.

9. Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;

10. ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.

11. Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayikumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.

12. Gcina umhla wesabatha, ukuba wungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho.

13. Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;

14. ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;

15. ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhupha khona uYehova uThixo wakho ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo; ngenxa yoko ukuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuba uwugcine umhla wesabatha.

16. Beka uyihlo nonyoko, njengoko akuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuze yolulwe imihla yakho, nokuze kulunge kuwe emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.

17. Uze ungabulali.

18. Uze ungakrexezi.

19. Uze ungebi.

20. Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.

21. Uze unganqweneli umfazi wommelwane wakho; uze unganqweneli indlu yommelwane wakho, nentsimi yakhe, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

22. Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini asesithokothokweni, ngezwi elikhulu, akongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna.

23. Kwathi, nakuliva ilizwi phakathi kobumnyama, intaba isitsha ngumlilo, nasondela kum, zonke iintloko zezizwe zakowenu, namadoda amakhulu akowenu;

24. nathi, Yabona, uYehova uThixo wethu usibonisile ubuqaqawuli bakhe nobukhulu bakhe, nelizwi lakhe silivile phakathi komlilo. Namhla sibonile ukuba uYehova nomntu, aphile noko.

25. Ngoko yini na ukuba sife? Ngokuba lo mlilomkulu uya kusidla; ukuba sithe saphinda saliva ilizwi likaYehova uThixo wethu, sofa.

26. Kuba ngubani na enyameni yonke, owakha waliva ilizwi likaThixo ohleliyo, ethetha phakathi komlilo, njengathi, waphila noko?

27. Sondela wena, uve konke okuthethwa nguYehova uThixo wethu, ukuthethe wena kuthi; konke aya kukuthetha uYehova uThixo wethu kuwe, sokuva sikwenze.

28. Waliva ke uYehova izwi lokuthetha kwenu ekuthetheni kwenu kum; wathi uYehova kum, Ndilivile izwi lokuthetha kwaba bantu abakuthethileyo kuwe; bakulungisile konke abakuthethileyo.

29. Akwaba bebenale ntliziyo yokundoyika, nokuyigcina imithetho yam yonke, imihla yonke, ukuze kulunge kubo noonyana babo ngonaphakade!

30. Yiya, uthi kubo, Buyelani ezintenteni zenu.

31. Ke wena, yima apha ngakum, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemimiselo namasiko, owobafundisa wona, bawenze ezweni elo ndibanika lona, ukuba balime.

32. Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.

33. Hambani ngeendlela zonke awaniwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile; kulunge kuni, niyolule imihla ezweni eloniya kulima.

About IDuteronomi Chapter 5

Read IDuteronomi Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: IDuteronomi
Chapter: 5
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IDuteronomi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading IDuteronomi Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is IDuteronomi Chapter 5?

IDuteronomi Chapter 5 is part of the Book of IDuteronomi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete IDuteronomi Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from iduteronomi

  1. IDuteronomi Chapter 1
  2. IDuteronomi Chapter 2
  3. IDuteronomi Chapter 18
  4. IDuteronomi Chapter 8
  5. IDuteronomi Chapter 32
  6. IDuteronomi Chapter 17
  7. IDuteronomi Chapter 4

Explore More from ITestamente Endala

  1. 1 KaSamuweli Chapter 11
  2. ImiZekeliso Chapter 10
  3. UEzra Chapter 5
  4. 2 KaSamuweli Chapter 14
  5. IiNdumiso Chapter 79
  6. UNahum Chapter 2
  7. UHezekile Chapter 47

Related Chapters & Readings

  1. IEksodus Chapter 38
  2. UYeremiya Chapter 15
  3. UIsaya Chapter 3
  4. IiNdumiso Chapter 75
  5. ILevitikus Chapter 20
  6. 1 KaSamuweli Chapter 5
  7. UZekariya Chapter 1
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *