Read UYeremiya Chapter 19 Online
Read UYeremiya Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYeremiya and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYeremiya 19
Isahluko 19
1. Utsho uYehova ukuthi, Yiya uthenge ingqayi yombumbi wezitya zodongwe, uthabathe inxenye yamadoda amakhulu abantu, neyamadoda amakhulu ababingeleli;
2. uphume uye emfuleni wakwaBhen-hinom olunge nesango leenkamba, umemeze khona amazwi endiya kuwathetha kuwe.
3. Wothi, Liveni ilizwi likaYehova, kumkani bakwaYuda, nani bemi baseYerusalem; utsho uYehova wemikhosi, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Yabonani, le ndawo ndiyizisela ububi, obuya kubetha zithi nzwi iindlebe zabo bonke ababuvayo;
4. ngenxa enokuba bendishiyile mna, bayenza eyasemzini le ndawo baqhumisela thixweni bambi abangabaziyo, bona, nooyise, nookumkani bakwaYuda, bayizalisa le ndawo ngegazi labamsulwa.
5. Bamakhela uBhahali iziganga, ukuze babatshise oonyana babo ngomlilo, babe ngamadini anyukayo kuBhahali, into endingabawiselanga mthetho ngayo, endingayithethanga, engathanga qatha entliziyweni yam.
6. Ngako oko uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, engasayi kuba sabizwa le ndawo ngokuthi yiTofete, nomfula wakwaBhen-hinom; kuya kuthiwa nguMfula wokuBulala.
7. Ndiya kulithululela iqhinga lakwaYuda neYerusalem kule ndawo, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo, nangezandla zabawufunayo umphefumlo wabo, ndizinikele izidumbu zabo zibe kukudla ezintakeni zezulu nasezilweni zomhlaba.
8. Ndiya kuwenza lo mzi ube ngummangaliso nomsondlo; bonke abagqitha kuwo bomangaliswa, benze umsondlo ngazo izibetho zawo zonke.
9. Ndiya kubadlisa inyama yoonyana babo nenyama yeentombi zabo, elowo adle inyama yowabo ekungqingweni nasekucuthweni, eziya kubacutha ngako iintshaba zabo, nabawufunayo umphefumlo wabo.
10. Uze ke uyiqhekeze ingqayi emehlweni amadoda ahamba nawe, uthi kuwo,
11. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndiya kwenjenje ukubaqhekeza aba bantu nalo mzi, njengokuqhekezwa kwezitya zombumbi, ezingasenakubuya zingcitywe; babangcwabele eTofete, ngokungabikho ndawo yakungcwaba.
12. Ndiya kwenjenjalo kule ndawo, utsho uYehova, nakubemi bayo, ukuze lo mzi ndiwenze ube njengeTofete.
13. Izindlu zeYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda zoba yinqambi, njengendawo yeTofete: zonke izindlu, abaqhumisela phezu kophahla lwazo kuwo wonke umkhosi wasezulwini, bathululele thixo bambi iminikelo ethululwayo kubo.
14. Wabuya uYeremiya eTofete, apho uYehova abemthumele khona ukuba aprofete; wema entendelezweni yendlu kaYehova, wathi kubantu bonke,
15. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwuzisela lo mzi, nemizi yawo yonke, bonke ububi endibuthethileyo ngawo; ngokuba beyenze lukhuni intamo yabo, ukuze bangawevi amazwi am.
About UYeremiya Chapter 19
Read UYeremiya Chapter 19 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYeremiya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYeremiya
Chapter: 19
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYeremiya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYeremiya Chapter 19 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYeremiya Chapter 19?
UYeremiya Chapter 19 is part of the Book of UYeremiya in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYeremiya Chapter 19 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Explore More from Uyeremiya
- UYeremiya Chapter 4
- UYeremiya Chapter 3
- UYeremiya Chapter 34
- UYeremiya Chapter 23
- UYeremiya Chapter 12
- UYeremiya Chapter 46
- UYeremiya Chapter 13