Read UYobhi Chapter 8 Online
Read UYobhi Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYobhi 8
Isahluko 8
1. Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
2. Kunini na uthetha izinto ezinje? Engumoya omkhulu amazwi omlomo wakho?
3. UThixo angakwenza gwenxa na okusesikweni? USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa?
4. Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena, Wabanikela esandleni sesikreqo sabo;
5. Ukuba uthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena, Watarhuzisa kuSomandla;
6. Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena, Okunene, wovuka ngoku ngenxa yakho, Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;
7. Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane, Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.
8. Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili; Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:
9. Kuba singabezolo thina, asinakwazi; Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini.
10. Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe. Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi,
11. Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo? Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi?
12. Iseluhlaza, ingekaphiwa, Yoyiphangela ingca yonke ngokoma.
13. Unjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo, Nethemba lomkhohlisi liyadaka;
14. Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa; Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe.
15. Wayama ngendlu yakhe, ingemi; Ubambelela kuyo, ingahlali.
16. Uluhlaza phambi kwelanga, Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe;
17. Iingcambu zakhe zijijene emweweni, Utyhudisa ezingcambeni zamatye.
18. Ukuba uthe wamginya endaweni yakhe, Yomkhanyela ithi, Andikubonanga.
19. Yabona, yiyo le imihlali yendlela yakhe, Ize eluthulini kuntshule abanye.
20. Yabona, uThixo akamcekisi ogqibeleleyo, Akababambi ngesandla abenzi bobubi.
21. Uya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma:
22. Abakuthiyayo baya kwambatha ukudana, Ingabi sabakho intente yabangendawo,
About UYobhi Chapter 8
Read UYobhi Chapter 8 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYobhi
Chapter: 8
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYobhi Chapter 8 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYobhi Chapter 8?
UYobhi Chapter 8 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 8 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from Uyobhi
- UYobhi Chapter 4
- UYobhi Chapter 38
- UYobhi Chapter 9
- UYobhi Chapter 16
- UYobhi Chapter 36
- UYobhi Chapter 30
- UYobhi Chapter 40