Read IDuteronomi Chapter 9 Online
Read IDuteronomi Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IDuteronomi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IDuteronomi 9
Isahluko 9
1. Yiva, Sirayeli! Uyayiwela namhla iYordan, usiya kuzihlutha iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunawe, imizi emikhulu, enqatyiswe yesa ezulwini;
2. abantu abakhulu, abade, oonyana baka-Anaki, obaziyo wena, obavileyo wena kusithiwa ngabo, Ngubani na onokuma phambi koonyana baka-Anaki?
3. Yazi ke namhla, ukuba uYehova uThixo wakho nguye owela phambi kwakho, engumlilo odlayo. Wobatshabalalisa, wobathoba phambi kwakho; ubagqogqe, ubacime kamsinya, njengoko wathethayo kuwe uYehova.
4. Uze ungatsho entliziyweni yakho ekubagxotheni kukaYehova uThixo wakho ebusweni bakho, ukuthi, Kungobulungisa bam andingenisileyo uYehova, ukuba ndilime eli lizwe. Kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.
5. Akungabulungisa bakho, nokuthi tye kwentliziyo yakho, le nto ungenayo ulime ilizwe lazo: kuba kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova, uThixo wakho, azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho, ukuze alimise ilizwi elo uYehova abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.
6. Yazi ke, ukuba akungabulungisa bakho, le nto uYehova, uThixo wakho, akunikayo eli lizwe lihle ukuba ulime; ngokuba ningabantu abantamo ilukhuni.
7. Khumbula, musa ukulibala ukumqumbisa kwakho uYehova, uThixo wakho, entlango; kususela kwimini owaphumayo ezweni laseYiputa, wada wangena kule ndawo, naba neenkani kuYehova.
8. NaseHorebhe namqumbisa uYehova, wanifuthela uYehova ukuba anitshabalalise.
9. Oko ndandinyuke ndaya entabeni ukuya kuthabatha amacwecwe amatye, amacwecwe omnqophiso abewenza uYehova nani, ndahlala iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane entabeni, ndingadli sonka, ndingaseli manzi.
10. Wandinika uYehova amacwecwe amabini amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo, kubhalwe kuwo ngokwamazwi onke abewathethile uYehova nani entabeni, phakathi komlilo ngomhla wesikhungu.
11. Kwathi, ekupheleni kweemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe omnqophiso.
12. Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonakalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.
13. Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;
14. ndiyeke, ndibatshabalalise, ndilicime igama labo phantsi kwamazulu, ndikwenze wena uhlanga olunamandla, oluninzi kunabo.
15. Ndajika ke ndehla entabeni, intaba isitsha ngumlilo, amacwecwe omabini omnqophiso esezandleni zam zozibini.
16. Ndakhangela, ndabona ukuba nonile kuYehova uThixo wenu, nazenzela ithole elingumtyhido, natyeka kamsinya endleleni leyo waniwisela umthetho ngayo uYehova.
17. Ndawathabatha amacwecwe omabini, ndawalahla ezandleni zam zozibini, ndawaqhekeza emehlweni enu.
18. Ndawa phantsi phambi koYehova, njengokokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; ndingadli sonka, ndingaseli manzi, ngenxa yezono zenu zonke, enone ngazo ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba nimqumbise;
19. kuba bendinxunguphele ngumsindo nobushushu abenoburhalarhume ngabo uYehova kuni, ukuba anitshabalalise. Ke uYehova wandiva nangeso silulandlo.
20. UYehova wamfuthela kunene uAron, ukuba amtshabalalise; ndamthandazela noAron lowo ngelo xesha.
21. Isono senu enisenzileyo, ithole elo, ndalithabatha ndalitshisa ngomlilo, ndaliqoba, ndalisila ngokucokisekileyo, lada lacoleka laluthuli, ndaluphosa uthuli lwalo emlanjaneni obusihla entabeni.
22. NaseTabhera, naseMasa, naseKibroti-hatahava, nibe nimqumbisa uYehova.
23. Nasekunisuseni kukaYehova eKadeshe-bharneha, esithi, Nyukani, nilime ilizwe elo ndininikileyo, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu, anakholwa nguye, analiphulaphula izwi lakhe.
24. Naba neenkani kuYehova, kususela kwimini endanazi ngayo.
25. Ndawa ke phantsi phambi koYehova, ezo mini zimashumi mane nobusuku obumashumi mane, endawayo phantsi; kuba uYehova wathi uya kunitshabalalisa.
26. Ndathandaza ke kuYehova, ndathi, Nkosi yam, Yehova, musa ukubatshabalalisa abantu bakho, ilifa lakho, obakhululeyo ngobukhulu bakho, obakhuphileyo eYiputa ngesandla esithe nkqi.
27. Khumbula abakhonzi bakho, ooAbraham noIsake noYakobi. Musa ukukhangela ekugogotyeni kwaba bantu, nakokungendawo kwabo, nasesonweni sabo; hleze lithi ilizwe osikhuphe kulo,
28. Kungokuba ebengenako uYehova ukubangenisa kulo ilizwe abethethe ngalo kubo; kungokuba ebebathiya, le nto wakhuphayo, ukuze ababulalele entlango.
29. Ke ngabantu bakho nelifa lakho, obakhuphileyo ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo.
About IDuteronomi Chapter 9
Read IDuteronomi Chapter 9 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IDuteronomi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IDuteronomi
Chapter: 9
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IDuteronomi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IDuteronomi Chapter 9 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IDuteronomi Chapter 9?
IDuteronomi Chapter 9 is part of the Book of IDuteronomi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IDuteronomi Chapter 9 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from iduteronomi
- IDuteronomi Chapter 1
- IDuteronomi Chapter 17
- IDuteronomi Chapter 2
- IDuteronomi Chapter 33
- IDuteronomi Chapter 18
- IDuteronomi Chapter 34
- IDuteronomi Chapter 28
Explore More from ITestamente Endala
- UYobhi Chapter 16
- IiNdumiso Chapter 12
- ILevitikus Chapter 22
- IiNdumiso Chapter 94
- 2 YooKumkani Chapter 21
- IiNdumiso Chapter 15
- IiNdumiso Chapter 25