Read 2 KaSamuweli Chapter 1 Online
Read 2 KaSamuweli Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KaSamuweli in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of 2 KaSamuweli and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
2 KaSamuweli 1
Isahluko 1
1. Kwathi emva kokufa kukaSawule, uDavide ebuyile ekuwabulaleni ama-Amaleki, wahlala uDavide eTsikelage imihla emibini.
2. Kwathi ke ngomhla wesithathu, kwabonakala kuvela indoda emkhosini, kuSawule, zikrazukile iingubo zayo, inomhlaba entloko; kwathi ekuzeni kwayo kuDavide, yawa emhlabeni, yaqubuda.
3. Wathi uDavide kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, Ndisabe emkhosini wamaSirayeli.
4. Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Khawundixelele. Yathi, Hayi, babalekile abantu ekulweni; kananjalo kuwe into eninzi yabantu, yafa; kananjalo uSawule, noYonatan unyana wakhe, babulewe.
5. Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Wazi ngani na, ukuba uSawule ufile, noYonatan unyana wakhe?
6. Yathi indodana ebimxelela, Kuthe ukuthi gaxa kwam, ndafika ezintabeni zaseGilibhowa; nanku uSawule ayame ngentshuntshe yakhe; nabo abeenqwelo zokulwa nabamahashe bethene mbende naye.
7. Uthe akubheka, wandibona, wandibiza; ndathi, Sendikho.
8. Wathi kum, Ungubani na? Ndathi kuye, NdingumAmaleki.
9. Wathi kum, Khawume phezu kwam, undibulale, ngokuba ndiphelelwe; kuba andikafi kanye.
10. Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe; ndizise zona apha kwinkosi yam.
11. Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo;
12. bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.
13. Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki.
14. Wathi uDavide kuyo, Utheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova?
15. UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa.
16. Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho ulingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova.
17. Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe,
18. wathi mabayifundiswe oonyana bakaYuda ingoma leyo yesaphetha; nantso ibhaliwe encwadini yOthe Tye.
19. Imbalarha, Sirayeli, ibulewe emimangweni yakho! Hayi, ukuwa kwamagorha! Musani ukuxela eGati;
20. Musani ukwenza zindaba ezitratweni zeAshkelon, Hleze zivuye iintombi zamaFilisti, Hleze zivuyelele iintombi zabangalukileyo.
21. Nina zintaba zaseGilibhowa, Makungaze kubekho mbethe, makungaze kubekho mvula kuni, namasimi emirhumo; Ngokuba khona kwangcola iingweletshetshe zamagorha, Ingweletshetshe kaSawule, wanga waye engathanjiswanga ngeoli.
22. Egazini labahlatyiweyo, emanqatheni amagorha, Isaphetha sikaYonatan besingabuyi umva, Ikrele likaSawule belingabuyi lilambatha.
23. USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi, Nasekufeni kwabo abahlukananga. Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga, Babenamandla ngaphezu kweengonyama.
24. Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule, Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa; Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu.
25. Hayi, ukuwa kwamagorha phakathi kwemfazwe! UYonatan ubulawelwe emimangweni yakho
26. Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan; Ubumnandi kakhulu kum; Kubalukekile ukundithanda kwakho Ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.
27. Hayi, ukuwa kwamagorha! Adakile amadoda okulwa!
About 2 KaSamuweli Chapter 1
Read 2 KaSamuweli Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of 2 KaSamuweli in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: 2 KaSamuweli
Chapter: 1
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading 2 KaSamuweli. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading 2 KaSamuweli Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is 2 KaSamuweli Chapter 1?
2 KaSamuweli Chapter 1 is part of the Book of 2 KaSamuweli in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete 2 KaSamuweli Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from 2-kasamuweli
- 2 KaSamuweli Chapter 16
- 2 KaSamuweli Chapter 23
- 2 KaSamuweli Chapter 21
- 2 KaSamuweli Chapter 12
- 2 KaSamuweli Chapter 7
- 2 KaSamuweli Chapter 5
- 2 KaSamuweli Chapter 17
Explore More from ITestamente Endala
- UYobhi Chapter 39
- UYoshuwa Chapter 19
- 1 KaSamuweli Chapter 21
- 2 YeziKronike Chapter 10
- UIsaya Chapter 43
- UHezekile Chapter 4
- UZekariya Chapter 10