Read IZenzo Chapter 18 Online
Read IZenzo Chapter 18 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IZenzo in the New Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of IZenzo and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
IZenzo 18
Isahluko 18
1. Ke kaloku, emva kwezi zinto, wahlukana uPawulos neAtene, weza eKorinte.
2. Wafumana umYuda othile wasePonto ngokuzalwa, ogama linguAkwila, esandula ukuvela eItali, noPrisila umkakhe, weza kubo (ngenxa yokuba uKlawudiyo ebemise ukuthi, makahlukane neRoma onke amaYuda).
3. Kuthe ke, ngenxa yokuba belilinye ishishini labo, waselehlala nabo esebenza; kuba babengabenzi beentente, ishishini labo.
4. Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke, ezamela ukweyisa amaYuda namaGrike.
5. Ke kaloku, bakuhla bevela kwelaseMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu.
6. Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; ndihlambulukile mna; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kwiintlanga.
7. Esuka khona, weza endlwini yothile ogama linguYusto, omhlonelayo uThixo, ondlu yayamene nendlu yesikhungu.
8. Uthe ke uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe iphela; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.
9. Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha ungathi tu;
10. ngokokuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokokuba ndinabantu abaninzi kulo mzi.
11. Wahlala khona ke umnyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo.
12. Ke kaloku, akubon’ ukuba uGaliyo ulibamba kwelaseAkaya, amwela uPawulos amaYuda ngamxhelo mnye, amsa esihlalweni sokugweba,
13. esithi, Lo uzamela ukweyisa abantu ukuba bamhlonele uThixo ngokunxamnye nomthetho.
14. Uthe ke xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ke ngoko ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyeyobutshijolo obungendawo, maYuda, ngekufanelekile ukuba ndininyamezele;
15. kodwa ukuba yimbuzwano ngelizwi, namagama, nomthetho ongowenu, zikhangeleleni nina; kuba mna andingi ndingaba ngumgwebi wezo zinto.
16. Wawagxotha esihlalweni sokugweba.
17. Ambamba ke onke amaGrike uSostene, umphathi wendlu yesikhungu, ambetha phambi kwesihlalo sokugweba. Akwabakho nanye yezo zinto ayikhathalelayo uGaliyo.
18. Ke kaloku uPawulos ukhe wahlala imihla eyaneleyo. Waza, ebabulisile abazalwana, wemka ngomkhombe waya kwelaseSiriya, enoPrisila noAkwila; eyichebile intloko eKenkreya, kuba waye enesibambiso.
19. Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya bona apho; ke yena wangena endlwini yesikhungu, waxoxa namaYuda.
20. Uthe ke, akumcela ukuba akhe ahlale umzuzu kuwo, akavuma;
21. wawabulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndize kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese.
22. Uthe, ehle weza eKesareya, wenyuka walibulisa ibandla, wehla waya kwa-Antiyokwe.
23. Enze ixesha elithile khona, wemka, walityhutyha ilizwe laseGalati, nelaseFrigi, ebomeleza bonke abafundi.
24. Ke kaloku wathi umYuda othile, ogama linguApolo, wakwa-Alesandire ngokuzalwa, umfo oliciko, wehla waya e-Efese, enobunkunkqele ezibhalweni.
25. Lowo ke wayeyifundisiwe ngomlomo indlela yeNkosi; waza evutha ngumoya wathetha, wafundisa ngokucokisekileyo izinto ezingayo iNkosi, esazi kakuhle ubhaptizo lukaYohane lodwa.
26. Yena kanjalo waqala ukuthetha ngokungafihlisiyo endlwini yesikhungu. Bathe ke bakumva ooAkwila noPrisila, bamthabathela kubo, bamtyhilela ngokucokisekileyo ngakumbi indlela kaThixo.
27. Ke kaloku, akubon’ ukuba unga angadlula aye kwelaseAkaya, abazalwana babhala bebayala abafundi ukuba bamamkele; owathi akufika, wabanceda kakhulu abakholiweyo ngalo ubabalo;
28. kuba waweyisa, wawancamisa ekuhleni amaYuda, ebonakalalisa ngazo izibhalo ukuba uYesu lo unguye uKristu.
About IZenzo Chapter 18
Read IZenzo Chapter 18 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of IZenzo in the New Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: IZenzo
Chapter: 18
Testament: New Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading IZenzo. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading IZenzo Chapter 18 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is IZenzo Chapter 18?
IZenzo Chapter 18 is part of the Book of IZenzo in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete IZenzo Chapter 18 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Entsha
- IsiTyhilelo Chapter 21
- IsiTyhilelo Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 10
- IsiTyhilelo Chapter 8
- UYohane Chapter 1
- IsiTyhilelo Chapter 14
- IsiTyhilelo Chapter 13
Explore More from Izenzo
- IzEnzo Chapter 19
- IzEnzo Chapter 9
- IzEnzo Chapter 3
- IzEnzo Chapter 6
- IzEnzo Chapter 12
- IZenzo Chapter 4
- IZenzo Chapter 6