Read UYobhi Chapter 18 Online
Read UYobhi Chapter 18 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYobhi 18
Isahluko 18
1. Waphendula uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
2. Kunini na nikuzingela ukuthetha? Qondani, sothetha emveni koku.
3. Yini na ukuba kuthiwe sinjengeenkomo, Sibe ziinqambi emehlweni akho?
4. Wena uziqwengayo ngomsindo wakho, Liya kushiywa ihlabathi ngenxa yakho, lingamiwa na? Likhwelele iliwa endaweni yalo?
5. Noko nokukhanya oku kongendawo kuya kucinywa, Lingabi mhlophe ilangatye lomlilo wakhe.
6. Ukukhanya kuya kwenziwa mnyama ententeni yakhe, Nesibane sakhe sicinywe phezu kwakhe.
7. Ukunyantsula kwakhe kuya kuxinwa, Limphose phantsi kwaelakhe iqhinga.
8. Kuba uqhutyelwe emnatheni ziinyawo zakhe, Uhamba phezu kwesibatha.
9. Umgibe umbambisa ngesithende, Limbambise isango.
10. Lufihliwe emhlabeni ulutya lwakhe, Ukuthiwa hlasi kwakhe kusengqushwini.
11. Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa, Kumbhebhethe, kuthane mbende naye.
12. Amandla akhe aya kuphela kukulamba, Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe.
13. Kudla iziqendu zolusu lwakhe; Udla iziqendu zakhe owamazibulo wokufa.
14. Iyancothuka ententeni yakhe inkoloseko yakhe, Ahanjiselwe kukumkani wokukhwankqisa.
15. Kuhleli ententeni yakhe izinto zasemzini; Kugcwayelwa isulfure ekhayeni lakhe.
16. Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe, Ngaphezulu abune amasebe akhe.
17. Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini, Angabi nagama nasemaphandleni.
18. Baya kumtyhala ekukhanyeni, aye ebumnyameni, Aphekuzwe kwelimiweyo.
19. Akayi kuba nanyana nanzala ebantwini bakowabo, Kungabikho usindileyo emizini yakhe.
20. Bomangaliswa yimini yakhe abahleli entshonalanga, Nabasempumalanga babanjwe kukuba namanwele.
21. Inene, injalo iminquba yabanobugqwetha, Injalo indawo yongamaziyo uThixo.
About UYobhi Chapter 18
Read UYobhi Chapter 18 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYobhi
Chapter: 18
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYobhi Chapter 18 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYobhi Chapter 18?
UYobhi Chapter 18 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 18 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from Uyobhi
- UYobhi Chapter 30
- UYobhi Chapter 32
- UYobhi Chapter 28
- UYobhi Chapter 39
- UYobhi Chapter 36
- UYobhi Chapter 41
- UYobhi Chapter 31