Read UHoseya Chapter 13 Online
Read UHoseya Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHoseya in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UHoseya and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UHoseya 13
Isahluko 13
1. Wathi akuthetha uEfrayim, kwabakho ukothuka; waphakama yena kwaSirayeli, wesuka wazeka ityala ngoBhahali, wafa.
2. Ngoku bongeza ukona, bazenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesilivere yabo, bazenzela izithixo njengokuqonda kwabo; ingumsebenzi weengcibi wonke uphela; ababingelelayo baseluntwini, bathi ngayo, bawanga amathole.
3. Ngako oko baya kuba njengelifu lomso, nanjengombethe ophela kwakusasa, njengomququ ophetshethwa sisaqhwithi esandeni, nanjengomsi ophuma ngekroba.
4. Kanti mna ndinguYehova uThixo wakho, kwasezweni laseYiputa; akuyi kwazi thixo ungendim; akukho namnye umsindisi ngaphandle kwam.
5. Mna ndakwazi entlango, ezweni lasekubaleleni.
6. Bathi bakudliswa, bahlutha; bakuhlutha, yaphakama intliziyo yabo; ngenxa yoko bandilibele.
7. Ngoko ndaba njengengonyama kubo, ndabalalela njengengwe endleleni.
8. Ndothi gaga kubo njengebhere ehluthwe amathole ayo, ndiwukrazule umhlehlo wentliziyo yabo, ndibadle khona njengengonyamakazi; amarhamncwa asendle aya kubadlavula.
9. Uzonakalisile, Sirayeli, ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.
10. Uphi na ngoku ukumkani wakho, ukuba angakusindisi emizini yakho yonke? Baphi na ngokunje abagwebi bakho abo, wathi, Ndinike ukumkani nabathetheli?
11. Ndikunika ookumkani ndinomsindo, ndibathabathe ngokuphuphuma kwawo.
12. Bubotshiwe ngengxowa ubugwenxa bukaEfrayim, sibekiwe isono sakhe.
13. Inimba yozalayo iyamzela; ungunyana ongenabulumko, kuba engaveli ngexesha elililo emlonyeni wesizalo.
14. Ndiya kubakhulula esandleni selabafileyo, ndiya kubahlawulela ndibakhulule ekufeni. Ziphi na iindyikitya zakho, kufa? Iphi na imbubhiso yakho, ngcwaba? Ukuzohlwaya kusithele emehlweni am.
15. Nokuba yena uya kuba neziqhamo phakathi kwabazalwana bakhe, kuya kuza ulophu lwasempumalanga, umoya kaYehova unyuka entlango, litshe ithende lakhe, wome umthombo wakhe; lowo uya kuphanga ubuncwane beempahla zonke ezinqwenelekayo.
16. ElakwaSamari liya kuziva linetyala, kuba liphikise uThixo walo. Baya kuwa likrele, iintsana zabo zicunyuzwe, nabamithiyo babo baqangqululwe.
About UHoseya Chapter 13
Read UHoseya Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UHoseya in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UHoseya
Chapter: 13
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UHoseya. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UHoseya Chapter 13 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UHoseya Chapter 13?
UHoseya Chapter 13 is part of the Book of UHoseya in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UHoseya Chapter 13 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2
Explore More from uhoseya
- UHoseya Chapter 12
- UHoseya Chapter 10
- UHoseya Chapter 6
- UHoseya Chapter 9
- UHoseya Chapter 3
- UHoseya Chapter 8
- UHoseya Chapter 7