Read UYobhi Chapter 28 Online
Read UYobhi Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYobhi 28
Isahluko 28
1. Kuba kukho apho iphuma khona isilivere, Nendawo yegolide abayihluzayo.
2. Isinyithi sithatyathwa eluthulini, Banyibilikisa amatye abe lubhedu.
3. Baphelisa ubumnyama, Bebhekisa eziphelweni zonke, Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.
4. Bemba umngxuma kude kwabemiyo, Belityelwe lunyawo lwabahambi; Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.
5. Umhlaba-kuphuma ukutya kuwo; Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.
6. Indawo yesafire ngamatye awo, Amagada egolide akuyo;
7. Yingqushu engaziwa xhalanga, Engathiwanga nzo liso lantloyiya,
8. Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo, Engahanjwanga nayingonyama.
9. Usa isandla sakhe nakwiqhwitha, Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.
10. Ugqobhoza imijelo emaweni; Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe.
11. Uvingca imilambo ingavuzi, Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni.
12. Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na? Iphi na indawo yengqondo?
13. Akalazi umntu ixabiso labo; Abufunyanwa ezweni labahleliyo.
14. Amanzi enzonzobila athi, Abukum; Ulwandle luthi, Abunam.
15. Akurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo; Akulinganiswa silivere ibe yintengo yabo.
16. Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire, Nesardonisi enqabileyo, nesafire.
17. Azinakulingana nabo igolide negilas; Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.
18. Zingasakhunjulwa iikorale neekristale, Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.
19. Ayinakulingana nabo itopazi yakwaKushi; Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.
20. Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo?
21. Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo; Busithakele nasezintakeni zasezulwini.
22. Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe.
23. NguThixo oyiqondayo indlela yabo, Nguye oyaziyo indawo yabo.
24. Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi, Ubona phantsi kwamazulu onke;
25. Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo, Namanzi awalinganise ngomlinganiso;
26. Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo, Nombane wendudumo indlela:
27. Waza wabubona, wabubala; Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca;
28. Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo, Nokutyeka ebubini kuyingqondo.
About UYobhi Chapter 28
Read UYobhi Chapter 28 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYobhi
Chapter: 28
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYobhi Chapter 28 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYobhi Chapter 28?
UYobhi Chapter 28 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 28 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Explore More from Uyobhi
- UYobhi Chapter 25
- UYobhi Chapter 33
- UYobhi Chapter 35
- UYobhi Chapter 20
- UYobhi Chapter 34
- UYobhi Chapter 11
- UYobhi Chapter 39