Read UYobhi Chapter 5 Online
Read UYobhi Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYobhi 5
Isahluko 5
1. Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?
2. Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha.
3. Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.
4. Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;
5. Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.
6. Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni;
7. Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.
8. Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,
9. Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;
10. Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle,
11. Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo, Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.
12. Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo, Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.
13. Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo, Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.
14. Emini baqubisana nobumnyama, Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.
15. Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo, Nasesandleni sowomeleleyo.
16. Kubekho ke ithemba kosweleyo, Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.
17. Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!
18. Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.
19. Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula, Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;
20. Endlaleni ukukhulula ekufeni Emfazweni ukukhulula ekuxatyelweni ngekrele,
21. Eziniyeni yolwimi uzinyezwe, Ungoyiki imbuqo, yakufika.
22. Imbuqo nendlala uya kuyihleka, Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.
23. Kuba unqophisene namatye asendle, Amarhamncwa asendle axolelene nawe;
24. Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho, Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;
25. Uyazi ukuba ininzi imbewu yakho, Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.
26. Uya kungena engcwabeni womelele, Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.
27. Bona, oku sikugocagocile, kunjalo; Kuve, ukwazi wena ngokwakho.
About UYobhi Chapter 5
Read UYobhi Chapter 5 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYobhi
Chapter: 5
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYobhi Chapter 5 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYobhi Chapter 5?
UYobhi Chapter 5 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 5 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Explore More from Uyobhi
- UYobhi Chapter 9
- UYobhi Chapter 16
- UYobhi Chapter 37
- UYobhi Chapter 33
- UYobhi Chapter 18
- UYobhi Chapter 25
- UYobhi Chapter 38