EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

For English

Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2 Online

Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of EcclesiastesImiZekeliso and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

EcclesiastesImiZekeliso 2

Isahluko 2

1. Ndathi mna entliziyweni yam, Khawuze khe ndikulinge ngovuyo, ubone okulungileyo. Yabona, kwanaloo nto ingamampunge.

2. Ndathi kohlekayo, Uyageza; nakovuyayo, Wenza ntoni na lo?

3. Ndasingasinga entliziyweni yam ukuba nditsale inyama yam ngewayini, ekubeni intliziyo yam iziqhuba ngobulumko: ukuba ndazane nobuyatha, ndide ndibone ukuba yiyiphi na into ebalungeleyo oonyana babantu, ukuze bayenze phantsi kwezulu, ngemihla embalwa yobomi babo.

4. Ndazenzela imisebenzi emikhulu, ndazakhela izindlu: ndazityalela izidiliya,

5. ndazenzela amasimi nemiyezo, ndatyala kuyo imithi eneziqhamo zonke;

6. ndazenzela amachibi amanzi okunyela ihlathi elihluma imithi;

7. ndathenga amakhoboka namakhobokazana, ndaba nawo nazalelwe endlwini yam. Kananjalo imfuyo yeenkomo neyempahla emfutshane yaba ninzi kum, ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwam eYerusalem.

8. Ndaziqwebela nesilivere, negolide, nezinto eziziinqobo zookumkani ngookumkani, nezamazwe ngamazwe; ndazenzela iimvumi neemvumikazi, neziyolo zoonyana babantu, inkosikazi namakhosikazi.

9. Ndaba mkhulu ke, ndanda ngaphezu kwabo bonke ababeseYerusalem ngaphambi kwam; bathi nobulumko bam bandinceda.

10. Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke.

11. Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzayo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga.

12. Ndazijika mna, ndakhangela ubulumko, nobugeza, nobuyatha: ngokuba ngumntu oyini na, lowo uya kuza emva kokumkani? lo ubeselenziwe kade?

13. Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama.

14. Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye.

15. Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, ndiya kuhlelwa kuko nam lo: ibiyini na ke ukuba ndisidlule mna ngokulumka? Ndathi entliziyweni yam, Kwanaloo nto ingamampunge.

16. Ngokuba isilumko kunye nesinyabi asinakukhunjulwa kungunaphakade, ekubeni kusiza iimini ezoba sezilityelwe zonke ezo nto. Kutheni na, ukuba zife izilumko kunye nezinyabi?

17. Ndabuthiya ke ubomi; ngokuba mibi kum imisebenzi eyenzeka phantsi kwelanga; ngokuba yonke loo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya.

18. Ndayithiya yonke imigudu yam, endaphuka yiyo phantsi kwelanga, ekubeni ndiya kuyishiya nomntu oya kubakho emva kwam.

19. Waziwa ngubani na, ukuba woba sisilumko, nokuba woba sisiyatha, kusini na? Ukanti uya kugunyazela emigudwini yam yonke endaphuka yiyo, endalumkayo kuyo phantsi kwelanga; kwanaloo nto ingamampunge.

20. Ndajika ke mna, ndayincamisisa intliziyo yam ngemigudu yonke endaphuka yiyo phantsi kwelanga.

21. Ngokuba kubakho umntu omigudu yakhe inobulumko, inokwazi, inempumelelo; ukanti uya kuyinika umntu ongenzanga migudu, ibe sisabelo sakhe; kwanaloo nto ingamampunge nobubi obukhulu.

22. Ngokuba umntu uba nantoni na ngemigudu yakhe yonke, nangenzondelelo yentliziyo yakhe, aphuka yiyo yena phantsi kwelanga?

23. Ngokuba imihla yakhe yonke inomvandedwa, nasekuzameni kwakhe ukhathazekile, nasebusuku ayiphumli intliziyo yakhe; kwanaloo nto ingamampunge.

24. Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo.

25. Ngokuba ngubani na ongadlayo, ngubani na ongavayo ubumnandi, engenaye?

26. Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.

About EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Read EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: EcclesiastesImiZekeliso
Chapter: 2
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading EcclesiastesImiZekeliso. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2?

EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2 is part of the Book of EcclesiastesImiZekeliso in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ecclesiastesimizekeliso

  1. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
  2. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 7
  3. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 6
  4. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 3
  5. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 11
  6. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 9
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 12

Explore More from ITestamente Endala

  1. UHezekile Chapter 25
  2. IiNdumiso Chapter 63
  3. UNehemiya Chapter 13
  4. 2 YooKumkani Chapter 5
  5. UYoshuwa Chapter 2
  6. IiNdumiso Chapter 124
  7. 2 KaSamuweli Chapter 23

Related Chapters & Readings

  1. IDuteronomi Chapter 27
  2. 1 YeziKronike Chapter 1
  3. KwabaseRoma Chapter 13
  4. IGenesis Chapter 29
  5. 2 KaSamuweli Chapter 13
  6. UIsaya Chapter 20
  7. UYeremiya Chapter 46
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *