UYobhi Chapter 36

For English

Read UYobhi Chapter 36 Online

Read UYobhi Chapter 36 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYobhi 36

Isahluko 36

1. Waqokela uElihu, wathi,

2. Khawenze kuhle, ndikutyele; Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.

3. Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam, Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.

4. Okwenene, akubuxoki ukuthetha kwam; Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.

5. Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani; Unamandla ngokuqina kwengqondo.

6. Akamlondolozeli ebomini ongendawo; Iintsizana uzinika ibango lazo.

7. Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa; Ubahlalisa kunye nookumkani etroneni Ngonaphakade, baphakame ke.

8. Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane, Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,

9. Ubaxelela izenzo zabo Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.

10. Uzityhilela intethiso iindlebe zabo; Uthi mababuye ebutshingeni.

11. Ukuba bathe beva, bamkhonza, Boyigqiba imihla yabo ekulungeni, Neminyaka yabo ebumnandini.

12. Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni, Baphume umphefumlo bengenakwazi.

13. Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo; Abazibiki xa abakhonkxayo;

14. Ufe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo, Nobomi babo bube bobeng’awu kwindawo engcwele.

15. Uyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe, Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo.

16. Nawe ubengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo, Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo; Nokubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba.

17. Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo; Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba.

18. Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla, Nobukhulu bocamagusho mabungathi gu bucala.

19. Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na, Nemigushanxa yonke yamandla?

20. Musa ukuzonda ubusuku Bokususa izizwe esikhundleni sazo.

21. Lumka, ungaguqukeli konobutshinga; Kuba unyule loo nto kuneentsizi.

22. Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; Ngubani na umyali onjengaye?

23. Ngubani na omphathise indlela yakhe; Ngubani na ongathi, Wenze ngobugqwetha?

24. Khumbula ukuba uwukhulise ngendumiso umsebenzi wakhe, Awuhlabele ingoma amadoda.

25. Bonke abantu bayawubona; Umntu uwukhangela emgama.

26. Yabona, uThixo mkhulu, asimazi; Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.

27. Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi, Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,

28. Esiyinisayo isibhakabhaka, Ivuze phezu kwabantu abaninzi.

29. Kanene baya kuqonda na ukwanekwa kwamafu, Nokuzongoma komnquba wakhe?

30. Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe, Azigubungele ngamazantsi olwandle.

31. Kuba ngezo nto ugqweba izizwe, Unika ukudla ngento eninzi.

32. Izandla zozibini uzigubungela ngombane, Awuwisele umthetho ngokochanayo.

33. Ukugquma kwakhe kuyamxela, Kwaneenkomo, ukuba uza kunyuka.

About UYobhi Chapter 36

Read UYobhi Chapter 36 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYobhi
Chapter: 36
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYobhi Chapter 36 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYobhi Chapter 36?

UYobhi Chapter 36 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 36 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. UYoshuwa Chapter 10
  4. ILevitikus Chapter 1
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1

Explore More from Uyobhi

  1. UYobhi Chapter 40
  2. UYobhi Chapter 17
  3. UYobhi Chapter 20
  4. UYobhi Chapter 25
  5. UYobhi Chapter 39
  6. UYobhi Chapter 3
  7. UYobhi Chapter 32

Related Chapters & Readings

  1. INumeri Chapter 32
  2. IiNdumiso Chapter 48
  3. IGenesis Chapter 10
  4. UHezekile Chapter 34
  5. UIsaya Chapter 52
  6. IiNdumiso Chapter 9
  7. INgoma yazo iiNgoma Chapter 8
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *