Read UMalaki Chapter 1 Online
Read UMalaki Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMalaki in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UMalaki and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UMalaki 1
Isahluko 1
1. Isihlabo selizwi likaYehova, esisingisele kuSirayeli, ngoMalaki.
2. Uthi uYehova, Ndinithandile; ke nina nithi, Usithande ngokuthini na? UEsawu asingumkhuluwa kaYakobi na? utsho uYehova; ukanti ndathanda ke uYakobi;
3. ndamthiya uEsawu; iintaba zakhe ndazenza kwaba senkangala, nelifa lakhe laba leleempungutye entlango.
4. Ekubeni ke uEdom esithi, Sivikivekile, siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kwakha bona, kodwa mna ndiya kugungxula; kothiwa, Bangumda wokungendawo, ngabantu ababhavumelayo uYehova kude kuse ephakadeni.
5. Amehlo enu aya kubona, nithi ke nina, Mkhulu uYehova phezu komda wakwaSirayeli.
6. Unyana uyambeka uyise, umkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe; ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam? utsho uYehova wemikhosi kuni, babingeleli, nina balidelileyo igama lam. Nibe ke nisithi, Silidele ngokuthini na igama lakho?
7. Nina nizisa esibingelelweni sam isonka esingcolileyo, nibe ke nisithi, Sikungcolise ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova sidelekile sona.
8. Ukuba nizisa into eyimfama ukuba ibingelelwe, akunto imbi oko? Ukuba nizisa into esisiqhwala nento efayo, akunto imbi oko? Khawuyisondeze loo nto kwinkosi yakho, ukuba yokholiswa na nguwe; yokunonelela na? utsho uYehova wemikhosi.
9. Kaloku ke, khanimbongoze uThixo, ukuba asibabale; kuvele esandleni senu oku; womnonelela ke umntu ngenxa yenu na? utsho uYehova wemikhosi.
10. Akwaba bekukho umntu kuni ozivalileyo iingcango, anasibanekela ilize isibingelelo sam! Andininanze nganto, utsho uYehova wemikhosi, andikholiswa nangumnikelo ophuma esandleni senu.
11. Ngokuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga, kude kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga; nasezindaweni zonke kuqhunyiselwa, kunikelwe igama lam umnikelo ohlambulukileyo; ngokuba likhulu igama lam phakathi kweentlanga; utsho uYehova wemikhosi.
12. Ke nina niyalihlambela ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova singcolile, neziveliso zaso, ukutya kwaso kudelekile.
13. Nabuya nathi ke, Yabonani, yindinisa yani na le! nasivuthela; utsho uYehova wemikhosi; nazisa izinto eziphangiweyo, neziziqhwala, nezifayo; nenjenje ukuzisa umnikelo ke; ndikholiswe na ke zezo zinto ziphuma esandleni senu? utsho uYehova.
14. Uqalekisiwe ke oqhathaniselayo, ukanti kukho emhlambini wakhe iduna; nobhambathisa, abingelele eNkosini into eyonakeleyo; ngokuba ndingukumkani omkhulu, utsho uYehova wemikhosi, negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.
About UMalaki Chapter 1
Read UMalaki Chapter 1 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UMalaki in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UMalaki
Chapter: 1
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UMalaki. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UMalaki Chapter 1 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UMalaki Chapter 1?
UMalaki Chapter 1 is part of the Book of UMalaki in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UMalaki Chapter 1 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1