UYobhi Chapter 29

For English

Read UYobhi Chapter 29 Online

Read UYobhi Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

UYobhi 29

Isahluko 29

1. Wahambisa uYobhi ukuphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,

2. Yoo! Andaba bendineenyanga ezinjengezaphambili, Njengemihla abendigcinile uThixo;

3. Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam, Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;

4. Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla, Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;

5. Oko uSomandla ebesenam, Bengeenxa zonke kum abantwana bam;

6. Oko ebehlanjwa amabanga am ngamasi, Iliwa lindithululela imijelo yeoli.

7. Xa ekuphumeni ngesango bendinyuka ukuya kuwo umzi, Ndimise isihlalo sam endaweni yembutho,

8. Andibona amadodana, azimela, Asuka amaxhego, ema.

9. Abathetheli bakuyeka ukukhuluma, Babeka isandla emlonyeni.

10. Ilizwi leenganga lazimela, Nolwimi lwazo lwanamathela ekhuhlangubeni azo,

11. Kuba indlebe yeva, yathi ndinoyolo; Iliso labona, landingqinela.

12. Kuba bendisiza iintsizana ezizibikayo, Neenkedama, noswele umncedi.

13. Intsikelelo yabadakayo ibindizela, Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa.

14. Ubulungisa bendibambatha bundambathe; Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam.

15. Bendingamehlo kwimfama, Bendiziinyawo kwisiqhwala;

16. Bendinguyise kumahlwempu, Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca.

17. Bendiwaphula amabamba ogqwethayo, Bendilikhupha emazinyweni akhe ixhoba.

18. Ndathi ke, Ndiya kuphuma umphefumlo kunye nendlu yam, Ndiyandise imihla yam njengentaka engafiyo.

19. Ingcambu yam iya kuvulelwa amanzi, Ulale umbethe emasebeni am.

20. Uzuko lwam luya kuhlala lulutsha kum, Sihlaziyeke isaphetha sam esandleni sam.

21. Babendiphulaphula, balindele, Bathi tu ecebeni lam.

22. Emva kwelizwi lam babengaphindi bathethe, Kubachaphazele ukukhuluma kwam.

23. Babendilinda njengemvula, Imilomo yabo bayakhamisele eyasekwindla.

24. Bendibancumela, bencamile; Ukukhanya kobuso bam bangakusanganisi.

25. Bendibanyulela indlela, ndihlale ndiyintloko; Bendihlala njengokumkani phakathi komkhosi, Njengothuthuzela abenza isijwili.

About UYobhi Chapter 29

Read UYobhi Chapter 29 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYobhi
Chapter: 29
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYobhi Chapter 29 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYobhi Chapter 29?

UYobhi Chapter 29 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 29 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
  7. IEksodus Chapter 1

Explore More from Uyobhi

  1. UYobhi Chapter 19
  2. UYobhi Chapter 35
  3. UYobhi Chapter 40
  4. UYobhi Chapter 2
  5. UYobhi Chapter 20
  6. UYobhi Chapter 33
  7. UYobhi Chapter 10

Related Chapters & Readings

  1. KwabaseRoma Chapter 6
  2. IGenesis Chapter 20
  3. UHezekile Chapter 15
  4. IiNdumiso Chapter 27
  5. KwabaseKolose Chapter 1
  6. UYeremiya Chapter 12
  7. UMateyu Chapter 24
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *