Read UYobhi Chapter 33 Online
Read UYobhi Chapter 33 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYobhi 33
Isahluko 33
1. Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam, Uwabekele indlebe amazwi am onke.
2. Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam, Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam.
3. Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am; Ukwazi komlomo wam akuthetha kanyulu.
4. UMoya kaThixo wandenza, Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.
5. Ukuba unako, ndiphendule; Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.
6. Uyabona, njengawe ndingokaThixo; Ndacatshulwa eludongweni nam.
7. Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa; Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho.
8. Okunene, uthethe ezindlebeni zam, Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,
9. Ndiqaqambile, andinalukreqo; Ndiguxiwe, andinabugwenxa.
10. Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam, Uthi ndilutshaba lwakhe.
11. Uzifaka iinyawo zam esitokisini, Uwulinga wonke umendo wam.
12. Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula; Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.
13. Yini na ukuba ubambane naye, Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?
14. Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha, Nangezimbini, ke akukhathalwa.
15. Ephupheni, embonweni wasebusuku, Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu, Ekozeleni elukhukweni;
16. Uzityhila oko iindlebe zabantu, Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,
17. Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into, Agubungele uqhankqalazo lomfo;
18. Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni, Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.
19. Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe, Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;
20. Ubomi bakhe bukwale ukudla, Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.
21. Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali, Avele amathambo akhe abengabonakali.
22. Uyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe, Nobomi bakhe kubabulali.
23. Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezulu Esimlamlelayo, noko sisinye ewakeni, Sokumxelela umntu okumfaneleyo:
24. Wombabala, athi, Mkhulule, angehli aye esihogweni, Kuba ndilufumene ucamagusho.
25. Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;
26. Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye; Abubone ubuso bakhe eduma; Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.
27. Lo uvuma ebantwini, athi, Bendonile, ndakugwenxa okuthe tye, Akwalinganiselwa kum njengoko noko.
28. Uwukhulule umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni, Nobomi bam bokubona ukukhanya.
29. Yabona, oko konke uyakwenza uThixo Izihlando ezibini nezithathu kumfo,
30. Ukuba abuyise umphefumlo wakhe esihogweni, Ukhanye ngokukhanya kobomi.
31. Baza indlebe, Yobhi, phulaphula kum; Yithi tu, ndithethe mna.
32. Ke ukuba unokuthetha, ndiphendule; Thetha, kuba ndifuna ukukugwebela.
33. Ukuba akukho, phulaphula kum wena; Yithi tu, ndikufundise ubulumko.
About UYobhi Chapter 33
Read UYobhi Chapter 33 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYobhi
Chapter: 33
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYobhi Chapter 33 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYobhi Chapter 33?
UYobhi Chapter 33 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 33 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Explore More from Uyobhi
- UYobhi Chapter 3
- UYobhi Chapter 30
- UYobhi Chapter 32
- UYobhi Chapter 40
- UYobhi Chapter 2
- UYobhi Chapter 15
- UYobhi Chapter 36