Read UYobhi Chapter 31 Online
Read UYobhi Chapter 31 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYobhi 31
Isahluko 31
1. Ndiwamisele amehlo am umnqophiso; Ndingathini na ukuqwalasela entombini?
2. Besiya kuba yini na isahlulelo sikaThixo esivela phezulu, Nelifa loSomandla elivela ezindaweni eziphakamileyo?
3. Ukusindeka asikokogqwethayo yini na, Neshwangusha asilelabenzi bobutshinga yini na?
4. Akaziboni na yena iindlela zam, Awabale onke amabanga am?
5. Ukuba ndibe ndihamba nokhohlakeleyo, Lwangxamela inkohliso unyawo lwam,
6. Makandilinganise esikalini sobulungisa, Akwazi uThixo ukugqibelela kwam.
7. Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni, Yalandela amehlo am intliziyo yam, Sanamathela isisihla ezandleni zam:
8. Mandihlwayele, kudle omnye, Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.
9. Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu, Ndalalela esangweni lommelwane wam,
10. Umkam makasilele omnye umntu, Kuguqe abanye phezu kwakhe.
11. Kuba loo nto bubugqwirha, Loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.
12. Inene, loo nto ngumlilo odla use enzonzobileni; Ibiya kuncothula iingcambu zongeniselo lwam lonke.
13. Ukuba ndibe ndilahle ilungelo lomkhonzi wam nelomkhonzazana wam, Bakubambana nam,
14. Bendingathini na ukwenza, xa athe uThixo wesuka waphakama? Xa athe wavela, bendingathini na ukuphendula?
15. Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye? Owasimilisa esizalweni akamnye na?
16. Ukuba ndibe ndisala nabakungxameleyo abasweleyo, Ndawaphelisa amehlo omhlolokazi,
17. Ndawudla ndedwa umthamo wam, Ayadla inkedama kuwo:
18. Hayi bo! Kwasebuncinaneni bam inkedama yakhulela kum, ngathi ikuyise, Ndamalathisa umhlolokazi nasesizalweni sikama.
19. Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha, Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;
20. Ukuba abengandisikeleli amanqe akhe, Akazifudumeza ngoboya beemvana zam;
21. Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama, Ngokuba bendibone uncedo lwam esangweni:
22. Igxalaba lam maliwe esixhantini salo, Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.
23. Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo, Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.
24. Ukuba bendenze igolide inqolonci yam, Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;
25. Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam, Nokufumana kakhulu kwesandla sam;
26. Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha, Nenyanga ihamba indilekile,
27. Yahendeka ngasese intliziyo yam, Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:
28. Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi; Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.
29. Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo, Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi
30. (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone, Ndiwucele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);
31. Ukuba babengatsho abantu bentente yam, ukuthi, Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?
32. Ubengalali phandle umphambukeli, Iingcango zam bendizivulela endleleni;
33. Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam, Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,
34. Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi, Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane, Ndathi cwaka, andaphuma emnyango—
35. Andaba bendinondiphulaphulayo! Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule; Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.
36. Inene, ndoyithwala ngesixhanti nam, Ndoyithi jize kum njengesithsaba.
37. Inani lamabanga am ndomxelela, Ndimsondele njengenganga.
38. Ukuba umhlaba wam ubukhala ndim, Nemiqela yawo yalila kunye nawo;
39. Ukuba bendiwadla amandla awo kungekho mali, Ndabanga ukuba uphume umphefumlo womniniwo:
40. Makuphume amakhakakhaka esikhundleni sengqolowa, Nokhula esikhundleni serhasi. Agqityiwe amazwi kaYobhi.
About UYobhi Chapter 31
Read UYobhi Chapter 31 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYobhi
Chapter: 31
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYobhi Chapter 31 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYobhi Chapter 31?
UYobhi Chapter 31 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 31 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- ILevitikus Chapter 1
- UYoshuwa Chapter 10
- IEksodus Chapter 2
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
- IEksodus Chapter 1
Explore More from Uyobhi
- UYobhi Chapter 38
- UYobhi Chapter 34
- UYobhi Chapter 5
- UYobhi Chapter 15
- UYobhi Chapter 37
- UYobhi Chapter 2
- UYobhi Chapter 1