Read UYobhi Chapter 13 Online
Read UYobhi Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.
Choose a Chapter
UYobhi 13
Isahluko 13
1. Yabona, konke oko likubonile iliso lam, Yakuva indlebe yam, yakuqonda.
2. Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam; Andiwi nganeno kwenu.
3. Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla, Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.
4. Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela.
5. Anaba benithe tu kanye; Nibe niya kuba nilumkile.
6. Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam, Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.
7. UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na, Nimthethelele ngenkohliso na?
8. Niya kumnonelela na, Niphikele uThixo na?
9. Kolunga na xa athe wanigocagoca? Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?
10. Wonohlwaya inene, Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.
11. Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na, Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?
12. Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu; Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.
13. Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe, Kundihlele okundihlelayo.
14. Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am, Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?
15. Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.
16. Kwaoko koba lusindiso kum: Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe.
17. Yivani, nikuve ukuthetha kwam, Nengxelo yam, ngeendlebe zenu.
18. Khanibone, ndilicacisile ityala lam; Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna.
19. Ngubani na ke ongabambana nam? Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo.
20. Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum, Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:
21. Isandla sakho sise kude kum, Nesothuso sakho singandidandathekisi.
22. Biza ke, ndisabele mna; Mhlawumbi ndithethe, undiphendule.
23. Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam? Ndazise isikreqo sam, nesono sam.
24. Yini na ukuba ubusithelise ubuso bakho, Ube ndilutshaba kuwe?
25. Uya kungcangcazelisa ugxothe igqabi eliphetshethwayo na, Usukele umququ owomileyo na?
26. Ngokuba uzibhalela kum izinto ezikrakra, Undidlisa ilifa lezenzo ezigwenxa zobutsha bam;
27. Uzifaka esitokisini iinyawo zam, Uwugqala wonke umendo wam; Uzikrwelela umda ojikelezayo izithende zeenyawo zam:
28. Mna lo, uhageleyo njengevithi, Njengengubo edliwe ngamanundu.
About UYobhi Chapter 13
Read UYobhi Chapter 13 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.
Book Information
Book: UYobhi
Chapter: 13
Testament: Old Testament
How to Read this Chapter
Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.
More Resources
Continue Reading the Bible
Continue reading UYobhi Chapter 13 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.
Frequently Asked Questions
What is UYobhi Chapter 13?
UYobhi Chapter 13 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.
Can I read this chapter online?
Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 13 online for free with easy chapter navigation.
More Chapters from ITestamente Endala
- UIsaya Chapter 1
- IGenesis Chapter 3
- UYoshuwa Chapter 10
- ILevitikus Chapter 1
- IEksodus Chapter 2
- IEksodus Chapter 1
- EcclesiastesImiZekeliso Chapter 1
Explore More from Uyobhi
- UYobhi Chapter 33
- UYobhi Chapter 3
- UYobhi Chapter 5
- UYobhi Chapter 10
- UYobhi Chapter 41
- UYobhi Chapter 15
- UYobhi Chapter 1