UYobhi Chapter 34

For English

Read UYobhi Chapter 34 Online

Read UYobhi Chapter 34 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Browse every verse with easy chapter navigation, continue to the next chapter, or explore the complete Book of UYobhi and the Holy Bible online.

Choose a Chapter

A+ A A-

UYobhi 34

Isahluko 34

1. Wasusela uElihu, wathi,

2. Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam; Nina zazi, ndibekeleni indlebe.

3. Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha, Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.

4. Masizinyulele okusesikweni, Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.

5. Ngokuba uthe uYobhi, Ndililungisa, UThixo ulisusile ibango lam.

6. Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam; Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.

7. Uphi na umfo onjengoYobhi, Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?

8. Athelele kubenzi bobutshinga, Ahambe namadoda angendawo?

9. Kuba esithi, Akancedeki umfo Ngokukholana noThixo.

10. Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum; Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,

11. Ke ukwenza komntu ukubuyekeza kuye, Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.

12. Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo, USomandla akakugwenxi okusesikweni.

13. Ngubani na omphathise ihlabathi? Ngubani na omise elimiweyo lonke?

14. Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa, Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,

15. Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye, Umntu abuyele eluthulini.

16. Wanga ungakuqonda, ungakuva oku, Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam!

17. Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na? Khona uSobulungisa womgweba na?

18. Kungathiwa na kukumkani, Tshijolondini? Nakumanene, Zintondini zingendawo?

19. Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli, Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo? Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke.

20. Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku; Bayahexiswa abantu, badlule, Zisuswe iimbalasane kungengasandla.

21. Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu, Uyawabona onke amabanga akhe.

22. Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa, Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.

23. Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu, Ukuze eze ematyaleni noThixo.

24. Uyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga, Amise ke abanye esikhundleni sabo.

25. Ngako oko uyazazi izenzo zabo, Ababhukuqe ebusuku, batyumke.

26. Uyabamonxoza ngokwabangendawo Endaweni yababoneli.

27. Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekayo ekumlandeleni, Abaziqiqa zonke iindlela zakhe;

28. Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo, Akuve ukukhala kweentsizana.

29. Akuzolisa, ngubani na oya kuxhalisa? Akusithelisa ubuso, ngubani na ongambonayo? Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye,

30. Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa, Angabi zizirhintyelo zabantu.

31. Ngokuba ubani angatsho na kuThixo ukuthi, Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona;

32. Endingakuboniyo, ndiyale ngako; Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda?

33. Uya kuphindezela ngokwakho na yena, ngokuba usolile wena? Ukuba unyule wena, kunganyuli mna. Into oyaziyo yithethe.

34. Aya kuthi kum amadoda aziingqondi, Nomfo osisilumko ondiphulaphulayo,

35. UYobhi uthetha engenakwazi, Namazwi akhe akanangqiqo.

36. Tarhuni, makacikidwe uTobhi kuse ekupheleni, Ngenxa yokuphendula kwakhe ngokwamadoda anobutshinga.

37. Kuba elongeza ukreqo kwisono sakhe; Utyhwakraza izandla phakathi kwethu, Awenze maninzi amazwi akhe ngoThixo.

About UYobhi Chapter 34

Read UYobhi Chapter 34 online from the Holy Bible. This chapter is part of the Book of UYobhi in the Old Testament. Continue reading with the chapter navigation above or explore the complete book.

Book Information

Book: UYobhi
Chapter: 34
Testament: Old Testament

How to Read this Chapter

Use the Previous and Next Chapter buttons to continue reading UYobhi. You can also adjust the font size for comfortable reading and browse other books of the Bible using the navigation links.

https://www.youtube.com/watch?v=rzsT_Q3KLzE

More Resources

Continue Reading the Bible

Continue reading UYobhi Chapter 34 and explore every book, chapter and verse of the Holy Bible. Use the navigation links above and below to move through the Scriptures with ease.

Frequently Asked Questions

What is UYobhi Chapter 34?

UYobhi Chapter 34 is part of the Book of UYobhi in the Holy Bible.

Can I read this chapter online?

Yes. You can read the complete UYobhi Chapter 34 online for free with easy chapter navigation.

More Chapters from ITestamente Endala

  1. UIsaya Chapter 1
  2. IGenesis Chapter 3
  3. ILevitikus Chapter 1
  4. UYoshuwa Chapter 10
  5. IEksodus Chapter 2
  6. IEksodus Chapter 1
  7. EcclesiastesImiZekeliso Chapter 2

Explore More from Uyobhi

  1. UYobhi Chapter 5
  2. UYobhi Chapter 30
  3. UYobhi Chapter 37
  4. UYobhi Chapter 13
  5. UYobhi Chapter 35
  6. UYobhi Chapter 31
  7. UYobhi Chapter 33

Related Chapters & Readings

  1. UYobhi Chapter 5
  2. UMarko Chapter 5
  3. IiNdumiso Chapter 127
  4. 2 YeziKronike Chapter 33
  5. IiNdumiso Chapter 100
  6. UEzra Chapter 4
  7. 2 YeziKronike Chapter 2
Share Your Love

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *